Ityala aliboli, izidlwengu zakudala mazibanjwe!

Andingomntu uthanda ukuthetha ngezinto zabantu, kodwa ndinamaxesha apho kuye kunyanzeleke ndizibone sendithe gabhu ngesifuba kuzo ngenxa yokuba iyinto echaphazela ubume bethu kwaye likhona nethuba lemfundiso nokuba lingakanani na.

Andiyazi nokuba kukonyuka kwamazinga okanye mhlawumbi ixesha esikulo lithi makuthethwe ngokuphandle ngemiba yokubethwa, ukubulawa nokuhlukunyezwa ngokwesondo kwabantu basetyhini kusini na.

Inye kodwa into endinengqiniseko ngayo, yile yokuba siyakhula isimbonono malunga nendlela esiwaphethe ngayo amanina singamadoda.

Eyona nto yaqala ukuwavula amehlo am kule nto yile yala matyala omlingisi kamabonakude waseMelika utata uBill Cosby, nothe wabona kuvela abasetyhini abaninzi abathi wakhe wabaxhaphaza ngokwesondo.

Le nto ikhokelele ekugwetyweni kwakhe ziinkundla zamatyala zela lizwe ebudaleni, le nkonde ineminyaka engamashumi asibhozo isidla amazimba.

Omnye ekungathi naye, ukuba akavundlanga, uza kuhamba ngale ndlela kaBill Cosby ngutata uDanny Jordaan. Kuthe kanti ayingomama uJennifer Simpson yedwa ommangalelayo ngokudibene nokuxhatshazwa ngokwesondo nguye.

Kule veki kuvele ukuba ukhona omnye usisi wesibini naye omtyhola kwangento enye.

Uyawaqonda ke nawe lama guerilla xa sele emisele ukuzikhupha entweni, aphuma ngomntu. Kuthiwa utatakho umangalele uIrvin Khoza kunye nalo kaFerguson ngokudyobha igama lakhe, naleyo ke siyijongile ngokuba netyala lokudlwengula nokuxhaphaza ngokwesondo liyaphandwa ngakuye.

Endothusileyo, andifuni kuxoka, yile kaBabes Wodumo noMampitsha, iimvumi zalapha ekhaya. Mandiqale ndikunike nje isijunqe semvelaphi yesi sibini.

Kuthiwa aba baqala ukuthandana uBabes eseneminyaka elishumi elinesihlanu, andibazi ubunyani balo nto kodwa into endiyaziyo yeyokuba sithetha nje uBabes uneminyaka engamashumi amabini anesine kulo nyaka, uMampintsha yena unamashumi amathathu anesihlanu eminyaka; uyakuzenzela ngokwakho ke izibalo ungandifaki mna.

Mandibuyele msinyane kulo mba singawo, kubonakale kuvela amabibi kaBabes xa ebenodliwanondlebe kwisikhululo sosasazo.

Uthe xa ebuzwa ngobudlelwane bakhe kunye noMampintsha waphendula ngelithi ayisekho into ebi badibanisa ngokothando, kodwa basaqhuba ngokwasemculweni.

Kuthe ke xa kulapho kanye wadanduluka umsasazi ngelithi uyavuya ukuba lo sisi ephumile koba budlelwane ngokuba unolwazi lokuba uBabes lo sevela kubethwa ngenqindi nguMampintsha wabalekela endlwini yomhlobo wakhe, uthi wayentywizisa igazi liphuma ngeempumlo.

Xa ubulubukele olu dliwanondlebe uyambona ukuba uBabes imshukumisile yonke lento kwaye enqwala intloko evumelana nalo msasazi.

Ukuba uyaqwalasela kuyo yonke le mizekelo sele ndiyenzile ifana ngento enye, abaxhatshazwa abazange bayithethe ngokuya yayisenzeka kwaye abazange bayise nasemapoliseni.

Abanye ke bavele emva kweminyaka nezi zityhilelo, osathe cwaka ngoku nguBabes Wodumo. Maqobokazana ayilohlazo ukuxhatshazwa yindoda, nokuba yeyakho nokuba ayiyo yakho.

Umntu xa ekumoshile mveze esidlangalaleni, umnikele kwingalo yomthetho isebenze ngaye. Ayiseyo nto ifihlwayo into yokuxhatshazzwa. Vula umlomo uthethe, sikhona singamaqobo namaqobokazana okwenyani, siza kuxhasa de ubulungisa benziwe.

Khumbula, ingalo yomthetho inde akekho onako ukuyibaleka kuphele, kwaye amaXhosa athi ityala aliboli. Phakama nzwakazi, sikho sonke.