Ityala aliboli: Kugwetywe umfoti owadlwengula intwazana ina14 ngo1997 ngoku ina41!

Inkundla yengingqi yamatyala eZwelitsha eMpuma Koloni imgwebe iminyaka elishumi elinanye (11) engaphakathi eziseleni uXolani Qanqane (58) emva kokuba imfumene enetyala lokudlwengula intwazana eyayineminyaka elishumi elinesine (14) ubudala ngo1997 nesele ngoku inamashumi amane ananye (41).

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi, le nkosikazi (41) nesele isebenza njengoNontlalontle eMpuma Koloni, yayisedolophini eQonce ngo1997 ihamba nomzala wakhe ngethuba bedibana noQanqane nowanesistudiyo efota becela ukufota.

Emva kokuba begqibile ukufota, uQanqane wabiza ixhoba esithi malize bakhangele indawo entlana lona lodwa azakuthi alifotele khona. Logama umzala wexhoba wayesangene ezivenkileni ngaphakathi ethenga.

UQanqane warhuqela ixhoba emotweni eliqwhaba ngeempama walisa eDimbaza kwigumbi lakhe apho wafika walidlwengulela khona ngokugenalusini newaye waligrogrisa ngokulibulala ukuba lixelile.

Ixhoba ekukhuleni kwaye kwabanzima ukuba lizibandakanye kwezothando ngenxa yenxeba elashiywa nalo nguQanqane ekukhuleni kwalo de labe liseYunivesithi.

UTyali uthi, ngo2020, ixhoba xa laliwela indlela labona umqhubi weteksi encinci (mini taxi) labufanisa ubuso kanti ngenene ngumrhanelwa. Ixhoba ngokukhawuleza lathatha iinombolo ezibhalwe kwimoto le emva koko lalandelela ngeminxeba nangophando.

Ixhoba lavula ityala ngo2021 emva kokuqaphela ukuba ayinguye yedwa owahlukunyezwa ngulo mrhanelwa ngokuva kwiintetha zomrhanelwa emnxebeni embidisa.

UTyali uthi ubungqina kwidokethi lexhoba yayilelalo kuphela. OnguMtshutshisi woluntu oPhezulu, uBrenan Sam, kufuneke ukuba aqokelele bonke ubungqina emva kweminyaka eyi27, encediswa nguMtshutshisi weNkundla yeNgingqi, uMzwandile Selanto kwakunye neGosa lokuLungiselela iNkundla, uPhelisa Matinise.

UQanqane ungaphakathi eziseleni echitha iminyaka elishumi elinanye (11) ngezenzo zokudlwengula ngo1997, ityala belichotshelwe kule veki eZwelitsha eMpuma Koloni.