Owayesakuba sisithandwa (34) sikaKungawo Nyhweba (19) nomrhanelwa kwityala lokuxhwila nokubulala le ntwazana ubanjwe emva kokuduka negama lakhe emva kwesi sehlo.
Logama umzimba womnye umrhanelwa (46) ufunyenwe eNdwe phezolo.
La madoda ngabarhanelwa ababini ebebefunwa ngamapolisa.
UKungawo waseDikeni olahleke kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu, ufunyenwe ebhubhile kule veki ngoLwesithathu kwilokishi yaseJoza, eMakhanda umzimba wakhe utshisiwe kwaye kuvakala ukuba ngabarhanelwa abane ababandakanyekayo.
Kwinqaku elingaphambili elibhalwe leli phephandaba, sichaze ukuba abarhanelwa ababini abaneminyaka eyi19 ukuya ku45 babanjiwe ngokubandakanyeka kwabo ekuxhwilweni nasekubulaleni le ntwazana.
Ingxelo yamapolisa ithi kuvulwe iqwakuqwaku ukuphanda malunga nokubhubha kwale ndoda ebingumrhanelwa.
Lo mrhanelwa (owayesakuba sisithandwa) uzakudibana nabanye abarhanelwa ababini abasele bebanjiwe, kwaye bonke bazakujongana nezityholo zokuxhwila nokubulala.
Esi sithathu kulindeleke ukuba sivele kwiNkundla kaMantyi yaseDikeni ngoMvulo we15 kweyeKhala 2024.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile