Owayesakuba ngusomlomo wepalamente uNosiviwe Mapisa-Nqakula uvele ngokukhawuleza ngoLwesibini kwinkundla kamantyi yasePitoli. Ityala lakhe lidluliselwe kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli.
Ujongene nezityholo ezilishumi elinesibini (12) zobuqhophololo kunye nelinye lokurhwaphiliza imali emva kokutyholwa ngokufunjathiswa ngethuba engumphathiswa wezokhuselo kweli. Utyholwa ngokufumana izinyobo ezingaphaya kwezigidi ezibini zeerandi (R2 million).
Iingxelo zithi uMapisa-Nqakula ucele imali engaphaya kwezigidi ezine zeerandi (R4,5 million) nalapho wahlawulwa imali engaphaya kwezigidi ezibini zeerandi (R2 million). Lo wayesakuba ngusomlomo wepalamente kutyholwa ukuba wafumana izinyobo phakathi kweyoMnga ka2016 ukuya kweyeKhala ka2019.
Kungoku nje uMapisa-Nqakula ungaphandle ngebheyile yamawaka angamashumi amahlanu eerandi (R50 000). Uye warhoxa epalamente kamsinya nje emva kokuba umzi wakhe ugqogqwe ngabezomthetho kuTshazimpuzi walo nyaka.
UMapisa-Nqakula akazange aphumelele ukuzama ukunqanda ukubanjwa kwakhe, iNkundla ePhakamileyo yaseGauteng ePitoli yasikhaba isicelo sakhe sokuthintela ngomhla wesibini kuTshazimpuzi.
Wagqiba ekubeni azinikele emapoliseni.
Ityala lihlehliselwe umhla we16 kweyeDwarha ka2024.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!