Ityala lokugetyengwa kwabantu eLusikisiki limiselwe eyoMdumba

Abarhanelwa ngethuba bevela kunye okokuqala enkundleni ngoLwesibini.

Ityala lamadoda asixhenxe atyholwa ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki kulindeleke ukuba lichotshelwe kwinkundla yenqila yaseLusikisiki isithuba seeveki ezimbini, ukusukela ngomhla we17 kweyoMdumba ukuya kuma28 kweyoMdumba ka2025.

UMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe “AP” Ndende (25), Lwando Antony Abi (33), Bonga Hintsa (31), Zenande Paya (38) noMawethu Nomdlembu (36), bajongene namatyala alishumi elinesithoba (19) okubulala nokuba nemipu neembumbulu ngaphandle kwempepha-mvume.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ityala leshumi elinesithoba lokubulala limalunga nelinye laKwaBhaca nesele liyayanyaniswa nabatyholwa.

“Namhlanje, umtshutshisi unike amagqwetha abamangalelwa abathandathu iziqulatho zedokethi, kwaye ityala lidluliselwe kwinkundla yesithili ukuya kwinkundla yenqila.

“UNdamase, owakhetha ukuzimela, uza kubuyela enkundleni ngomhla we12 kweyoMnga 2024 ukuya kuchaza ukuba ukufundisisile na okubhalwe kwidokethi nokuba uza kube sele ekulungele ukuzimela ngomhla obekiweyo,” utshilo uTyali.

UNdamase, otyholwa ngokuba ngungqondongqondo wesiganeko saseLusikisiki, wabanjwa engaphakathi entolongweni, apho adontsa isigwebo sobomi kunye neminyaka elishumi elinesihlanu ngokubulala nokuphanga.

UPaya noNomdlembu babanjwa eFlagstaff ngomhla we17 kweyeDwarha 2024, benemipu emine neembumbulu ekutyholwa ukuba zafuduswa zasiwa kwezinye iindawo emva kokubulawa kwabantu eLusikisiki ngomhla wama28 kweyoMsintsi 2024, kwilali yakuNgobozana.

UNdende noHintsa, babanjwa ePort Shepstone, ngelixa uAbi wabanjwa eMonti, ngomhla we16 kweyeDwarha 2024. UMyekethe wabanjwa ngomhla we7 kweyeDwarha 2024, kwikhaya lakhe eMthimde Location, kwindawo yaseMamfengwini kwisithili saseLusikisiki.

Ukubanjwa kwabo kuza emva kwesiganeko sokudubula okwenzeka ngomhla wama28 kweyoMsintsi 2024, kwimizi emibini eselumelwaneni kwilali yakuNgobozana, eLusikisiki, nalapho kwabhubha abantu abalishumi elinesibhozo abazalanayo, kwaza konzakala abahlanu.

UTyali ukwaqinisekise ukuba umbuso ukulungele ukuqhubeka neli tyala nanjengoko uphando sele lugqityiwe.

Bonke abatyholwa kweli tyala abakhange bafune ukufaka isicelo sebheyile.