Ityalike iwonge ixhegokazi ngendlu

Ityalike i-Apostollic Faith Mission (AFM) kwingingqi yamaMpondo inikezele ngesipho sendlu exabisa iR270 000 kwixhegokazi ebelifudula lisokola indawo yokuhlala.

Esi sipho sinikezelwe kwixhegokazi elineminyaka engamashumi asibhozo (80) ubudala kwilali iGoso eLusikisiki kuWadi 20 phantsi komasipala wasekuhlaleni Ingquza Local Hill Municipality ngoLwesibini. Kuvakala ukuba umhakhulu uMakheswa Magqi uyinkosikazi kamfundisi wokuqala kweli bandla ongasekhoyo uJackson Magqi nowayekhokhele kwiminyaka yoo1960.

Ngokutsho kukamama uJacobeth Mahlobo ongumongameli kweli bandla kuzwelonke, esi sipho siyinxalenye yephulo elisandul ‘ ukusungulwa ngoomama nalapho kujoliswe ekuwongweni bonke abefundisi bakudala kweli bandla.

“Umama uMagqi ngomnye woomama bakudala ebebekhokhela kweli bandla, abefundisi bakudala bebengafumani mvuzo, bebezinikele ngeempilo zabo, ke ngoku ibandla libone kufanele ukuba bonke abefundisi bakudala mabenzelwe izipho ezifana nesi sikamama uMagqi,” utshilo umongameli weFaith Mission umama uMahlobo.

Esi sipho yindlu enamagumbi amahlanu kuquka nefenitshala. Emva kokuba enikezelwe ngokusesikweni indlu yakhe umhakhulu uMakheswa Magqi uthe: “Kaloku thina bantu sazi ukuba umntu eyona ndlu yakhe intle yokugqibela lingcwaba, namhlanje ke mna ndiyothuka xa ndifumana indlu entle ngolu hlobo ndakuba sele ndoluphele.”

Abahlali abazibonele ngamehlo abo bebengawuvali umlomo bengqina ukuba ngenene eli xhegokazi lifanelwe koku kuba sele lingumakhwekhwetha kweli bandla.