Ityendyana laseMdantsane kwiSidingo!

INZALELWANE
yaseMdantsane eMpuma Koloni, uLusindiso “Jojo” 
Zondani, uza kudlala kumdlalo weSABC 3 – Isidingo.

Ngokutsho
koMpapashi weSidingo, uCatherine Sidyiyo,
uZondani uza kudlala indawo kaShaun Mazibuko oyintatheli yeOnTV.

Ngaphandle
kokudlala indima emfutshane kwiGenerations, uZondani waziwa kakhulu kwintengiso
yakwaChicken Licken (The legend of Big John) neyathi kamva yasuswa
koomabonakude ngenxa yesikhalazo sokuba ayinambitheki.

Uphinde wenza enye
yeBudget Insurance kwakunyaka ophelileyo.  Kodwa noxa kunjalo, uZondani, 32,
ucinga ukuba icandelo lobugcisa ayilo lelamafokofoko.

“Kunzima ukufumana
owona msebenzi kweli candelo. Ngoko ke xa ube nethamsanqa lokuwufumana uvele
ungazazi nokuba mawuthini,”

Uthi uyavuya
ngokufumana le ndima kwiSidingo kwaye oku kuthetha ukuba kukhona into
eqaphelekayo kumsebenzi wakhe.

“Ndingumntu
okholelwa kakhulu kuMdali, kwaye konke oku kubhalwe yena (uThixo). Ndenze iodishini yale ndima,
ndathathwa kwangoko,” kubalisa uZondani.

Eli tyendyana
lithi kususela liselula lalizifela ngobugcisa kodwa lingazi ukuba oku kungabeka isonka etafileni.

Uthi kwakungekho
mntu amaziyo apho ekuhlaleni owayeziphilisa ngezobugcisa, de utata wakhe nabanye
abantu abaziyo bayinxalenye yendumasi yomdlalo Ityala Lamawele.

“Kwangoko ndaye
ndanethemba lokuba nam ngenye imini ndiza kuba ngumlingisi ophambili,” kubalisa
uJojo, neligama aziwa ngalo.

UJojo waye
wazibandakanya neqela lenkcubeko laseZwelitsha eQonce elalibizwa iZUCS. Apho
kwakudaniswa, kulingiswa eqongeni kuculwa, bekhokelwe ngumdlali kwiTyala
Lamawele owayesaziwa njengoPhekeza.

Waye kwakhona
waqeshwa njengemvumi eyayincedisa (back up) iimvumi ezifana noThandiswa Mazwai,
Camagwini, Thembisile Ntaka, Asanda Bam noSomizi – ebonakala kumawonga afana
neGauteng Sports Awards, Drum Darlings Awards njalo njalo.

UJojo uthi
unethemba lokufumana ithuba elide kwiSidingo.

“Okwangoku bathi
yindima yexeshana, kodwa likhona ithemba lokuba ingolulwa, ngoko ndityikitye
isivumelwano sonyaka nabo,” kutsho uJojo encumile.