Ityendyana laseMthatha lifungiswe njengegqwetha leNkundla ePhakamileyo

UMayizuke Nciya owamkelwe njengegqwetha kwiNkundla ePhakamileyo

ITYENDYANA laseQweqwe eMthatha, uMayizuke Nciya, ufungiswe njengegqwetha leNkundla ePhakamileyo emva kokugqiba uqeqesho lweminyaka emibini.

Oku kuthetha ukuba uNciya, 26, uza kumela abantu njengegqwetha kwiNkundla ePhakamileyo eRhawutini.

“Oku kundinika igunya lokusebenza njengegqwetha elikwaziyo ukumela abantu kwiNkundla ePhakamileyo,” kutsho uNciya ebengawuvali umlomo encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokwaziswa kwakhe kwiveki ephelileyo.

Eli gatyana lithi laba nomdla kumsebenzi wobugqwetha liselula, oku kwaqatsela lisakungena eYunivesithi.

“Ndandicinga ukuba amagqwetha ngabantu abagqibeleleyo. Ndikwacinga nokuba anemali eninzi. Ndithe ndakuqalisa iDegree ndanomdla kumalungelo oluntu nomgaqosiseko,” kuncokola uNciya.

UNciya ukhule ebukele umsebenzi kaAdv Dali Mpofu kuba “ibe lelinye lamagqwetha ebelisoloko lisematheni kwaye lisebenza ngempumelelo.”

Wenze izifundo zeLLB kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC). Kodwa noxa kunjalo uthi indlela eya empumelelweni khange ibe mtyibilizi.

“Phakathi kunyaka wam wokuqala ndaye ndagula kakhulu, oogqirha bengazi ukuba ndiphethwe yintoni. Isigulo endandinaso sasingafuni ndibe seklasini okanye ndiphathe incwadi,” kubalisa uNciya.

UNciya, obe kunye nomama wakhe ngethuba esamkelwa kwiNkundla ePhakamileyo, uthi wonwabile kuba usokole kakhulu ukuze afikelele kule ndawo akuyo. Uthi umama wakhe zange abe khona ngethuba ethwala isidanga kuba wayesesibhedlele, ngoko ubukho bakhe buthetha lukhulu.

“Ndisokole kakhulu, ingakumbi kwiphepha leBookkeeping nelelinye loviwo ekufuneka ulupasile ukuze ukwazi ukuba ligqwetha elipheleleyo,” utshilo.

Kunyaka ozayo uNciya uza kusebenza njengeLaw Clerk kaChief Justice Mogoeng Mogoeng. Uthi eli lithuba elivuyisayo kakhulu nanjengoko eza kube encedisa uMogoeng kwizinto ezifana nophandonzulu kwakunye nasekubhaleni izigwebo.

Ucebise abasanqwenela ukuba ngamagqwetha ngelithi kufanele basebenze nzima, babe nomonde nokunyamezela kwaye babeke iliso koko bakufunayo.

simphiwe.freddie@inl.co.za