Ilali eyiZone 14 ekwintshona yoMthatha kwiMpuma Koloni,
ijikelezwe luloyiko emva kokusweleka kweqela lamanina amathathu.
Esi sithathu
nebesisaziwa njengabahlobo abakhulu, kurhaneleka ukuba sidliswe ityhefu ngeCawa
yomhla we-18 kule imiyo. Eyona nto irhuqisa umrhaji ngumba wokuba; ingaba badliswe
ngantoni ngubani?, nanjengoko izimvo zoluntu ngesi sehlo zibetha-bethana.
UAmanda Deliwe Dluthu noSilvia Nongatsho
Ntswabo, basweleke ngezithuba zentsimbi yesithoba kubusuku bangeCawa emva kokubika
izisu ezibuhlungu nokungaboni kwamehlo, ngexa yena uZimkhitha owaziwa ngoZish
eswelekele esibhedlele ngoMvulo.
Ingxelo evele kubamelwane bakaSilvia idize
ukuba esi sithathu sibulewe ngeSpiriti ekuthe kwafunyanwa ibhotile yaso emva
kwale ndlu bekuselelwa kuyo nelikhaya kuSilvia nosana lwakhe olunenyanga enye
kunye nomyeni wakhe uThembela Matyaba.
Baphinde baveza ukuba, ethubeni
kufunyenwe ibhotile yotywala inotywala obunombala oluhlaza obunevumba
leSpiriti.
“Ngethuba ezibhuqa
ziintlungu unkosikazi wam undiyalele ukuba ndibuze kuJola, kuba inguye okhe
wangena kwam emini esingisele edolophini”, lawo ngamazwi athethwe
nguThembela.
UJola lo ukhankanywe leli bhinqa phambi kokuba lisweleke, ngumhlali
wale lali nekuvakala ukuba ebengalali ngangub’ enye nabafi ngenxa yezityholo
ebemana ebatyibeka ngazo zokuhulisa intokazi yakhe.
Xa simbuza ngokuthatha
amanyathelo omthetho uThembela uphendule ngelithi, “Amapolisa athe
akanokwenza nto kuba engabizwanga msinya ukuze athathe loo mizimba, afota
akhusele nobungqina ekubiweni kwangexesha.
“Impazamo yethu kukuqala
ngokuqhagamshelana nemibutho yabangcwabi ukuze izokulanda imizimba ngenxa
yokungabinalwazi. Kungoku nje amapolisa azibhekelisele kude nale nyewe.”
Omnye wabamelwane uthi, oyena mntu
urhanelekayo ngumfi uZimkhitha nothe wafa ngoMvulo. “Ndikrokrela yena mna
ngenxa yokuba uphume msinya kula ndlu ephethe usana olu lukaSilvia, waze
wabuyela kwakhe engumqaba-qaba. Ngokuphahlwa ngemibuzo ngoMvulo ekuseni, wagqiba
ekubeni naye azinkxinkxe ngesa siselo asinike oogxa bakhe kubusuku bangeCawa,”
kutsho obesondele kubafi.
Wongeze ngelithi, “UZish kunye nendoda ahlala
nayo bavuke ngoMvulo besithi khange abonane kwanotywala ngempela-veki uZish,
ngoko ke makangaxutywa kwezi zityholo. Le ndoda nayo iye yangeniswa esibhedlele
ngoMvulo isithi idle ityhefu ekutyeni obekuphekwe nguSilvia, kwabonakala ukuba
ibalekisa nje umkhondo kule yotywala obufakwe ityhefu ligqiyazana layo.”
UKhuboni Mpaka othethela ilali, ungqinile
ukuba indoda le ebihambisana noZimkhitha ichacha kwisibhedlele iNelson
watsho esithi, “Basebenzise ubuqhithala kule meko ngokungabizi amapolisa
kwangethuba, kuba nobu bungqina bufunyenwe kula bhotile bebunako ukuncedisa
ekuphandweni kwale ntsuma-ntsumane”.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo