Ityholwa ngokuchasana neenkokeli zolutsha iUDM

AGXEKE umbutho amalungu eUDM kwaWadi 33, phantsi komasipala iKSD ngelithi ulwa nolutsha lwalo mbutho.

Oku kulandela emva kokuba ilungu lolutsha lwalo mbutho, uKhathalele Ndlebe obenyulwe kuluhlu lwabo bazakuba ngooceba kulo mbutho ethe wasuswa kololuhlu.

Ilungu leUDM ebelithetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, nelicele silifihle igama lalo lithe, “Kukho inkxalabo ngolutsha kwiUDM, ulutsha lufuna utshintsho, amalungu afana noKhathalele lingomso kwiinkokeli zalo mbutho, yilonto ebekelwa bucala.”

Eli lungu likwathe inyathelo leUDM libenze intlekisa kwiANC ebixhalabile ngobukho bukaNdlebe kuluhlu lwamalungu azakuba ngooceba xa lo mbutho uphumelela.

“Into esixakayo yeyokuba iANC seyisazi, bayasixwaxwa besithi ngoku bathi akukho Khathalele uzakusimela.”

Isithethi seUDM eMpuma Koloni uMabandla Gogo uthe okaNdlebe ususiwe kuluhlu emva kokuba kubonakele ukuba ungumfundi kwiKholeji iBCC eMonti. Uqhube wathi,

“Ukuba nguceba ngumsebenzi onzima, ufuna umntu okuwo ngokupheleleyo, ongazuphoswa ziintlanganiso.”

Ukwathe, “kumaxesha angaphambili besinamalungu akwibhunga likamasipala, ekwangabasebenzi kumasebe karhulumente, kwakunzima ukuba enze umsebenzi wawo.”

OkaNdlebe uthe uyasamkela isigqibo sombutho, “kodwa ndinako ukudana kuba ezizifundo ndizenzayo ndizakuzigqiba ngoJuni, injongo yam ibikukugqiba zona emva koko ndingene kumasipala,” ucacise watsho. Walile ukuphefumla kwizityholo ezithi ubekelwe bucala kuba elilungu lolutsha.

Ukanti uGogo uyalele amalungu eUDM anezikhalazo ukuba atyelele kwii-ofisi zalo mbutho.