Ityholwa ngokujongela phantsi iinguqu iDA

Amalungu ekomiti kaSodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay Umfanekiso: Facebook

Bugxekiwe yiANC eMpuma Koloni ubume bekomiti
kasodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay
ngelithi ayibonakalisi bume bentlalo yoluntu balangingqi. Lombutho ugxeke le
komiti ngelithi igcwele amadoda ebala limhlophe, kwaye mnye kuphela owasetyhimi
webala elintsundu. Unobhala weANC kweliphondo uOscar Mabuyane uthe ubume bale komiti
bubonakalisa ukungabi nankathalo kweDA kwiinguqu eziquka wonke ubani ngokwebala
nangokwesini.

Ugxeke usodolophu walo masipala uAthol Trollip uzakuzibuyisela
emva iinguqu ezenziwe yiANC kula masipala, ngokwandisa inani labamhlophe
kulawulo. “Isigqibo sika Trollip sokutyumba ikomiti egcwele abamhlophe
sijongela phantsi abantsundu, kwa nabasetyhini. Kukhangeleka ngathi iDA ibona
abantsundu, kwakunye nabasetyhini njengabantu abangakulungelanga ukukhokela.”

USodolophu weNelson Mandela Bay uAthol Trollip
uphendule ngelithi, “Ifana neANC loo nto. Ukuba ifuna ukutyumba ikomiti
ethandwa ngabo mabayokhankasa iivoti.” Uqhube wathi, “Le komiti imele uluntu lwaseBhayi,
kwaye izakunikezela iinkonzo kubo, kwaye iyalingana. Bahlanu abamhlophe,
babebahlanu abantsundu, ikwangumnxube wabadala nolutsha.” 

Ukwathe usekela
Sodolophu uMongameli Bobane untsundu, isithethi sebhunga uJonathan Lawack
ngowebala. “Bafundile bonke ababantu, bakhethwe ngenxa yezakhono, hayi
ngokobulungu bombutho.” UTrollip ulebele ngelithi, 
iDA soze yenze nguqu ezijongele phantsi inkqubo yotshintsho kwelo Mzantsi
Afrika.