Ivalelwe indoda efunyenwe ineziyobisi

Amapolisa aseMatatiele abambe indoda enamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala nefunyenwe ineziyobisi kuyo.

Ngokweengxelo eziphuma kothethela amapolisa ala mmandla neziphaluka uKapteni Raphael Motloung, le ndoda ifunyenwe inohlobo lwepilisi zeMandrax ezingamashumi amabini anesine (24) kwirenki yoonoteksi yaseMgungundlovu isiya eMatatiele nalapho amapolisa aye ahletyelwa ngumkhweli obekhwele nalo mrhanelwa.

UMotloung uthi aye alandelela amapolisa aqikelela ixesha elo leteksi ibisiza kweli phondo ibinomrhanelwa lo, neye yamiswa xa ingaseHarry Gwala Park kugqogqo, baye bazifumana iziyobisi ezo.

“Ngethuba sifika kwiteksi leyo ibikhwele umrhanelwa sifike sele bebathathu abakhweli ebebengaphakathi, bebane ngomqhubi, kwagqogwqa kubo bonke zafunyanwa kumrhanelwa iziyobisi lowo ebexeliwe, uye wabanjwa kwangoko,” utshilo uMotloung.

Umrhnelwa ulindelke ukuba avele phambi kweenkundla zamatyala aseMatatiele kungekudala, ngetyala lokufunyanwa eneziyobisi.