Ivaliwe itiphu esisigqubu semigulukudu

Ide yavalwa indawo eyitiphu ephakathi kwamangcwaba asePapenkuils ngakwindawo yoshishino ikuseKorsten ngakwilokishi yaseAlgoa Park eBhayi. Le ndawo ibise idume njengesigqubu semigulukudu nezigilamkhuba ebezihlelele ukuzintyintya ngeziyobisi zixhwarhe phakathi kwamathyolo akutshane nale ndawo.

Umasipala waseNelson Mandela Bay uyalele abahlali nabanini mashishini abakufutshane ababekade besebenzisa le ndawo belahlela kuyo inkunkuma ukuba basebenzise ezinye iitiphu ezikufutshane. Uthe abantu abangawulandeliyo loo myalelo bayakuhlangana neembila zithutha. Ukwacela abahlali ukuba bangaphozisi maseko babantame abo bathe babonwa belahlela inkunkuma apho. Kungoku nje lo masipala umise oonogada abalinda imini nobusuku kulo tiphu.

Ethetha nentatheli, uSodolophu waseNelson Mandela Bay uAthol Trollip uthe sekulixesha abahlali belokishi yaseAlgoa Park bekhwina bebika imeko yabo yokuxhatshwaza ngootsotsi noodingindawo abaxhwarha kule tiphu bekwacela namancedo kumasipala kodwa zingasiwa so izikhalazo zabo.

Uthe umasipala uthabathe eli nyathelo ngenxa yezo zikhalo.

“Asinakuvumela abantu bathu baxhatshazwe ngoongantweni, asinakuhlala sisonge izandla abantu bekhala,” uthethe watsho.

Ukanti oyintloko yesebe lococeko kulo masipala uMongameli Bobani uthe kwintsuku ezizayo le ndawo izakusetyenziswa njengendawo yokuqokelela izixhobo esezisebenzile ezifana neeglasi neeplastiki eziza kujikwa ziphinde zisetyenziswe ngokutsha emva koku nyibilikiswa zenziwe ntsha.

“Sithetha nje seyikho nekampani yasekuhlaleni ekhokelwa linina ezakubonelela umasipala ngezo nkonzo,” utshilo okaBobani.

uEstelle Potgieter ongumhlali nomlungisi wee nwele uthe ukuvalwa kwale ndawo kumxolise emphefulweni kuba sekuyiminyaka mihlanu ekhalaza kumasipala ngale thiphu.

“Ndixole kakhulu!” utshilo.