Yindoda enamashumi amabini anesibhozo(28) ubudala ebanjelwe ukubulala unkosikazi wayo oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu(26) ngamapolisa aseDutywa.
Ukubanjwa kwale ndoda kuza emva kokuba kubhaqwe unkosikazi wayo sele ebhubhile enamanxeba aphinda phindeneyo kumzimba ongentla.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha ithi, oku kwenzeke ekuseni ngoLwesithathu (izolo) kwigumbi labo lokulala kwilali yakuMpuku, eChizela, eDutywa.
“UManatha uthi: “Unobangela wokuba indoda ibulale unkosikazi wayo ngolu hlobo awukacaci okwangoku ngoba kusaphandwa.”
Ukanti umkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga usikhalimele esi senzo ngeelithi oku akwamkelekanga kwaphela.
“Esi sesinye seziganeko ezothusayo kwakhona sokubulawa kowasetyhini engakwazi ukuzilwela. Kumele kugxininiswe ukuba ukhuseleko lwabasetyhini nabantwana lulona luphambili kwisebe lesipolisa kweli phondo leMpuma Koloni. Sizakuqinisekisa ukuba amatyala akumila kunje akuzuphuncuka futhi siqinisekise ukuba abenzi bobubi bajongana nengalo yomthetho,”utshilo unjengele Ntshinga.
Igama lexhoba ligushiwe nanjengoko kusekutsha usapho nezihlobo zingekabikelwa zonke.
Umyeni uyavela kwinkundla yamatyala eDutywa kusasa ngomso umhla wesine.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole