Ivela enkundleni eMthatha namhlanje, umhla wesithandathu kwinyanga yoMqungu, indoda enamashumi amathandathu anesine (64) eminyaka, ngezityholo zokubulala indoda enamashumi amathathu anesihlanu (35) eminyaka.
Ingxelo ekhutshwe nguCaptain Welile Matyolo ithi, ukubanjwa kwale ndoda kulandela emva kokuba amapolisa aseMadeira encediswa yiDistict Task Team athe abamba lo mrhanelwa ngeCawa umhla we5 kweyoMqungu 2025.
Umrhanelwa utyholwa ngokudubula esiswini indoda enamashumi amathathu anesihlanu (35), eHillcrest, eMthatha, nalapho ixhoba lileqiswe esibhedlele, laze laphukana nobomi balo ngomhla wama29 kweyoMnga 2024, kunyaka ophelileyo.
Ingxelo iqhuba ithi, esi sibini siye saxabana ngaphandle komzi othile, nalapho umrhanelwa eye wadubula umfi esiswini.
Amapolisa athe ahletyelwa apho akhoyo umrhanelwa, kwaye ngethuba ebanjwa, kuye kwafunyanwa umpu ongenamaphepha wohlobo lwe9mm oneembumbulu ezinenombolo ecinyiweyo, nekukholelwa ukuba sesona sixhobo sokubulala. Uvavanyo lweBallistic luza kuveza ukuba ingaba umpu ofunyenweyo ngulowo ubusetyenziselwe ukubulala na.
Lo mrhanelwa uneminyaka engama64 ubudala ubekwe ityala lokubulala, ukuba nompu ongekho semthethweni, nokuba neembumbulu ngokungekho semthethweni.
UMkomishinala obambeleyo kwisithili saseOR Tambo, uBrigadiya Vukile Ntuli, uncome amapolisa ngenyathelo lawo elikhawulezileyo lokubamba umrhanelwa ukuze kuphunyezwe ubulungisa kumfi, usapho nezihlobo zakhe.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!