Ivela enkundleni intwazana yaseRhawutini exoke ngokuxhwilwa

INTWAZANA yaseRhawutini uSimphiwe Manzini Mtimande (28) ubanjiwe emva kokuba amapolisa eqaphele ukuba “ukuqweqwediswa nokuxhwilwa” kwakhe, nabekubabaze ngokwakhe kuFacebook, bekungamampunge.

Le ntwazana ibhale kuFacebook wayo ngoLwesithathu ibonakalisa ukuba iseMohlakeng, eRandfontein, apho ithe: “Ndigqiba kuxhwilwa. Ndisebhuthini yemoto yam. Bathathe enye ifowuni yam becinga ukuba [ndinefowuni] enye…ndiza kunazisa de kubekanti kuphelile ngam.”

Emva kwalo mbhalo obangele ukuhlomla kwabantu abayi-2 700 kwanokusasazwa ngabantu abayi-6 300, uSimphiwe ubhalile kwakhona esithi: “Ifowuni yam iku-15% [welahle lefowuni]”. Uphinde wabhala esithi: “Imoto imile, bayalwa ngelithi ngubani oza kwabelana ngesondo nam.”

USimphiwe uphinde wabhala esithi ilahle lakhe lefowuni liku-9%. Ngethuba ebhala ukuba ilahle lakhe liku-2%, uthe unezikere zokuzikhusela xa kunokwenzeka into kuye.

Kulo lonke eli xesha uluntu beluxhalabile lubhala kooFacebook nakooTwitter phantsi komqheba othi #FindSimphiwe #FindSimphiweManzini.

Emva kwako konke oku, uSimphiwe ubuye wazokufaka ividiyo kuFacebook wakhe esithi: “Bhota Mzantsi Afrika, andizukubamde. NdinguSimphiwe Manzini wakwaMtimande, bendifuna ukunazisa ukuba akukho nto imbi ngam. Ngokwasenyameni andinanto, kodwa akukho mnandi emphefumlweni. Okwangoku andizukuxela ukuba ndiphi. Ndiyabulela ngemithandazo yenu yokuzama ukufumanisa ukuba ndiphi.”

Ngelo xesha abantu bebengayikholelwa le vidiyo besithi inyanzelwe le ntwazana, futhi ibonakalisa umntu ongakhuselekanga.

Isithethi samapolisa eRhawutini, uKapteni Mavela Masondo, uthi iqela lamapolisa aphezulu ngokwezikhundla, nabesasazwe ngelokukhangela le ntwazana, baqaphele izikroba kweli bango lokuqweqwediswa nokuxhwilwa.

UMasondo uthi amapolisa kumaphondo amane aquka iRhawutini, Mpumalanga naseMntla Ntshona ebesasaziwe ukukhangela le ntwazana.

“Ekuncwinweni kufumaniseke ukuba ukuqweqwediswa nokuxhwilwa ibingamampunge kwaye oku kuthe kwangqinwa kokuthethwe yile nkosikazi ngelithi khange ixhwilwe. Amapolisa ayithathile imoto kuquka nefowuni abanga ukuba ibithathwe ‘ngabaqweqwedisi’.”

Le ntwazana kulindeleke ukuba ivele phambi kukamantyi wenkundla yaseProtea eRhawutini ngoLwesihlanu, ngamatyala okubika amampunge, ukuphazamisana nengalo yomthetho kwanobuqhetseba.