Ivelatanci lokukhulisa utyelelo eMalahleni

Abalobi bekhuphisana ngokuloba kunyaka ophelileyo eMalahleni. Umfanekiso: Uthunyelwe

UMasipala waseMalahleni uxhobe ngendalo enomtsalane, ingakumbi kwabo bangayaziyo le ndawo ngenxa yeentaba, iingxangxasi namajikojiko eendlela ezitsala imehlo.

Lo Masipala ebambisene ne’Eastern Cape Explorers uza kuqhuba ukhuphiswano lokuloba kwidama laseXonxa ngelizama ukukhulisa utyelelo.

Olu khuphiswano luqulethe amathuba okukhulisa utyelelo, logama kukwalindeleke ukuba lifundise amafama wale ndawo ngamathuba akhoyo kwezolobo.

Idama laseXonxa lasungulwa ngonyaka ka1972 ngeenjongo zokuqhubela phambili iinzame zokunikisa ngamanzi, ulimo nezinye iinkqubo zophuhliso kwiilali ezikufutshane.

Kumacala omane eli dama liphahlwe ziintaba, eziquka intaba yakuZingxondo erhuqa iyekujikela kumlambo iCacadu kwelinye icala.

Phezu kweli dama kukho ingcwaba leNkosi yamaGcina, uTyhopho, ekukho ingxelo engaqinisekiswanga yokuba amathambo wakhe aphantsi kwala manzi. Othethe egameni lalo Masipala, uLuthando Nqumkana, uchaza indima yabo benguMasipala kolu khuphiswano.

Abalobi bekhuphisana ngokuloba kunyaka ophelileyo eMalahleni. Umfanekiso: Uthunyelwe

“SinguMasipala waseMalahleni sidlala indima ephambili ukuzisa ulwazi kubantu bethu, kungenxa yeso sizathu ukuba sibe sithatha inxaxheba kwimicimbi efana nale,” kucacisa uNqumkana.

Uthi benza oku bekwancwase ukubonisa esidlangalaleni ubuhle bendalo etsala umxhelo nako konke okutsala abatyeleli.

“Olu lukhuphiswano lwesibini lokuloba, besiqale senza olu khuphiswano kwiingxangxasi zaseGlen Grey kuBozwana, apho abahlali belali babesebenzisana ne’Eastern Cape Explorers,” uhambisa atsho uNqumkana. Izikhephe ezincinci nazo zakuba zikho zidlala emanzini weli dama ukubonisa ubunganga bobuhle bale ndawo.

“Iintlanzi ezincinci ziza kuphindiselwa emanzini, kodwa ezinkulu abantu abalobayo baza kuzithathela.

Ikholeji yezolimo yakuTsolo, nesele isaziwa ngokuba yiTARDI, yiyo eyatyala iintlanzi kweli dama ngelizama ukuba libe likhaya kwiindidi ngeendidi zeentlanzi ngeminyaka yoo1980.

“Linani elininzi leentlanzi eliza kwenza ukuba umntu aphumelele, kodwa xa kukho abo baneentlanzi ezilinganayo, ziza kubekwa esikalini ukuze kukhutshwe ophumelele ngokomyinge wobunzima bazo,” kutsho uNqumkana.