Ivele enkundleni indoda eqhomfa izisu

Ummi wase-Uganda uRichaed Tjuuko,43, uvele kwiinkundla zamatyala asePolokwane eLimpopo kuLwesine odlulileyo ejongene netyala lokuqhomfisa izisu.

Inkundla ixelele uTjuuko ukuba ityala ajongene nalo lakhe lokukhuphisa abantu izisu longezelelekile emva kokuba engakwazanga ukuveza iimpepha ezitshoyo ukuba wangena ngokusemthethweni kusini na kweli lizwe laseMzantsi Afrika.

Lo mmi waseUganda ubanjwe ngoLwesibini kwiveki ephelileyo emva kokuba amagosa esebe lezempilo ekunye namapolisa ethe enza ugqogqo kummandla wasePolokwane, aze abamba uTjuuko.

Ulindeleke ukuba aphinde abuyele ezinkundleni kungekudala.