Ivele enkundleni inkosikazi etyholwa ngokubulala umyeni

Bashiyeke benkoloza ngaphakathi eziseleni abarhanelwa abathathu baseDutywa abajongene neyelekenqe letyala lokubulala uMlali Tetyana (57) owayesakuba ngutitshala nobesele engusomashishini kwilali yaseMabheleni eCandu eDutywa.

Aba barhanelwa nekubalwa kubo unkosikazi wexhoba uZimkhitha Tetyana onamashumi amane anesibini (42) ubudala, kwakunye nabafana ababini uLwando Ramba (25) kwakunye noYandisa Tonci (22) babanjwe ngoLwesihlanu, kulandela ukubhubha kukaTetyana emva kokuhlatywa amanxeba aliqela kwikhaya lakhe eliseCandu.

Esi sithathu sithe tshe okokuqala emveni kwesithwakumbe abajongene naso sokubulala, phambi kweenkundla zamatyala eDutywa kusasa izolo. Abakhange banikwe thuba lokuvuma kusini na kwityala labo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha udize ukuba, ukubanjwa kwaba barhanelwa kuza emveni kokuba kuye kwabhaqwa uMlamli kwigumbi lakhe lokulala nobekugqityelwe ezingqengqele yedwa, ebhaqwa sele ebhubhile enamanxeba kumzimba ongentla ekumzi wakhe ngoLwesine kwiveki esiyishiyayo ngethuba unkosikazi lo sele engumrhanelwa ngoku wayelungisa into etyiwayo ekunye nabantwana ekhitshini.

Unkosikazi waba ngowokuqala ukubanjwa kubarhanelwa.

Ityala liye lamiswa limiselwa usuku lwangoLwesihlanu umhla weshumi apho bazoyokufaka isicelo sebheyile.

abongile.ginya@inl.co.za