Ivenkile yePizza ichaphazeleke kwisichotho

Uqikelelwa kwimali engaphaya kwe-R150 000 umonakalo owenzeke kwivenkile ethengisa iPizza, uDebonairs, okudederhu lweevenkile iMdantsane Mall kwaNU7 eMdantsane, emva kokuchaphazeleka kwisichotho semvula kuMvulo wale veki.

Oku kudizwe ngumphathi wevenkile uLunga Gwayi.

UGwayi uthe: “Kuthwe kwakubonwa imvula isezisa kwavalwa umnyango. Xa kanye umthengi evula labuya nocango lusiwa ngexesha elinye kuvula umthengi kodwa ngethamsanqa akukho namnye umntu oye wonzakala.” UGwayi uthe kuwe uphahla levenkile kwabe sele kucima nombane kodwa zona imveliso zokubhaka azikhange zonakale. “Noxa kunjalo zonke izinto sele zibuyele esiqhelweni,” udize oko uGwayi. Ukanti ayingoDerbonars kuphela ishishini elishiyeke neefesitile ezibokoboko. Zingaphaya kwesihlanu iivenkile ezishiyeke zingenazifesitile kule ndawo. UGwayi uthi akukhange kubekho nto imayo kuye kwaqhutyekekwa kwasetyenzwa kwangosuku olulandelayo. Kulalwe ezo venkile zivuleke zinjalo ngobobusuku phantsi kokhuseleko loonogada.

Ukanti bakhuphe umyalezo oya kubathengi abothuke bashiya iimpahla zabo ngethuba kusenzeka ukuba bazokukhangela kwezo ziye zafunyanwa zabekwa elugcinweni.