IW-U-U-U!! ATSHABALAL’AMASIKO ETHU ZIZANDAWANA!

MaXhos’ akuthi mhlawumbi abantu abangootata noobhuti baza kuthi nqa xa befunda le ncoko endiza nayo kubo ebuhlanti ndiyiphethe ngesithebe namhlanje, ndingumntu wasetyhini.

Kaloku xa izinto zisonakala kwicala lootata, oomama abasele beyile ntanga yam nangaphezulu bayakhalima, bathi, “Hayi! Akwenziwa nje!” Ndiziva ndingenakuthula ngenxa yengxoxo endayiva ishukuxwa kuMhlobo Wenene kulo nyaka uphelileyo.

Le ncoko ibixovula umdlalo webhanya-bhanya othi: ‘INXEBA.’ Kube mnandi kum ukufumanisa ukuba kukho ukunxakama nakwabanye abantu kumajelo eendaba afana noonomathotholo.

UNkosi uNdevu ebemele uMbutho weeNkokeli ezijongene nenkcubeko kwakunye namaSiko esiNtu (Contralesa), uthethe kwavokotheka malunga nokusengelwa phantsi kwesiko eliyimfihlo lolwaluko lwamaXhosa ngokuthi lithiwe pa-ha kumabonakude.

Le nto uyibone njengesithuko nenyala kumaXhosa ukuba liyokuthiwa thaca phambi kwezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga. Hayi! Ke, amatshantliziyo abephulaphule, agalele kwavokotheka nawo ebonisa ukunyhashwa kweli siko.

Nam ndingowaseTyhini nje ukuba bendingaqhubi moto ngendikhe ndagalela, ndikhuthaze ootata ukuba mabalwe lo mkhuba mbi.

UNkosi Ndevu utsho ehlaba umkhosi kootata nesifana ukuba mabasivakalise kanobom isankxwe kwikona nganye. Kuthiwa ke ngelo xesha uMphathi walo mdlalo uthi akabuyi ngamva, ubheka phambili qha!

Iinkosi zimi ngelithi, indlu engakhiwanga kakuhle iyadilizwa ukuze ingadilikeli abanye abantu. Kuvakala ukuba akukho mntu okhe wazokulumana iindlebe nazo malunga nokuboniswa kweli siko kumabonakude nanjengoko umgaqo-siseko uyigxininisa into yokuba amasiko abantu makahlonitshwe. Eli lungelo lamiswa yi’National Heritage Council.”

Ngowe-1990, ndaswelekelwa ngunyana wam omkhulu esuthwini, ndathi ndibuza ngeenkcukacha zokusweleka kwakhe andazinikwa, kwathiwa andizi kuzinikwa kuba yinyewe yasebuhlanti leyo; ndafa namthanyana, ziinkosi.

Iyandimangalisa ke ngoku into yokuba inyewe yasebuhlanti iza kuthiwa thaca kumabonakude, ndibe mna ndingazi ngcombolo ngeli siko. Bona abadlali balo mdlalo basithatha phi isibindi sokubonisa eli siko eqongeni bengamadoda angamaXhosa?

Ngumbuzo-buciko lowo endinawo! Woo! Inene, indlal’ inamanyala ukuba ngenene ngamaXhosa la azibandakanye noqulunqo lwalo mdlalo-bhanyabhanya.

Lilonke ke bootata nani boobhuti khanibe ngathi nenza esona sankxwe esakhe senziwa lulutsha ngo-1976 malunga nokufundiswa kwesiAfrikansi ezikolweni, latshabalala isiko lethu elinesidima zizandawana, nathi bantu baseTyhini sakuthi chu emva kwenu sinombelela!

Nyakana uthile ndakhe ndabona incwadi kwa-CNA kwisikhululo seenqwelo-ntaka eRhawutini, eyayibhalwe ngumlungu malunga nenkqubo yolwaluko lwamaXhosa. Yayinayo nemifanekiso, zange ndiyigqibe ndlela le ndandenyele ngayo.

Ndavakala ndiqalekisa amaXhosa akuthi ngokuvumela umlungu ukuba ayokwenza uphando lolwaluko esuthwini, ade angene aphelele ebhumeni. Woo! Mali ndini usisiqalekiso!

Ezi ziphene ziphela zinemiphumela emibi nanjengoko sibona inyhikityha yokufa kwabakhwetha. Kunzima ukuba thina boomama siyivale imilomo kuba ekugqibeleni sithi abalala kwiimandlalo ngenxa yoxinzelelo. Ukuba ndithethe kakubi, ngxe zidwesha!!!