ISWELEKILE imbongi nemvumi uSiphelo Dyongman, nobedume ngelikaNqontsonqa.
Kuvakala ukuba uDyongman ugaxeleke kwingozi yesithuthi cebukuhle eGcuwa, emini ngoLwesihlanu.
Othethela usapho, uAkhona “Bhodl’ingqaka” Mafani, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba uDyongman, waseMakhanda, ubhubhele kwindawo yexhwayelo.Uthi ebeyedwa esithuthini ngethuba leli shwangusha.
“Usapho lubikelwe ngoogxa bakhe beSebe lezeMisebenzi ngesi sehlo. Kukho umsebenzi ebeyokuwenza eMthatha ngemoto yomsebenzi nanjengoko besebenza eRhafu,” kutsho uMafani.
UAgcobile Dyongman, ongudade boNqontsonqa uthe baxhelekile ngokubhubha komntakwabo.
“Asikho sesimeni esihle. Asikakholelwa. Bekukuninzi ebekucwangcisele thina silusapho nabantwana bakhe ababini,” kutsho uAgcobile.
UMafani uthe usapho lusavalelene kwindibano yokuxoxa ngamalungiselelo okufihla le mbongi.
“Nanjengokuba usazi ukuba uNqontsonqa besele ekwinkolo yakwaNtu, usapho lumkhulisele kwinkolo yobuKristu, kusaxoxwa ngaloo miba,” utshilo.
UDyongman, obekwayintatheli, wayebhalela I’solezwe lesiXhosa ngethuba lisandul’ ukusungulwa phakathi ko2015 no2016.
Le mvumi yengoma ethi ‘Ndifuna lo’ ibhubha ineminyaka engama33 ubudala.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10