Ixabiso lomntu silibona mhla wasuswa kuthi

Siyathanda ke thina ukulibona ixabiso lomntu kanye ngeli xesha engasekho ebomini bethu. Ukuba wakhe wangena kwezothando uyayazi ukuba ngamanye amaxesha ixabiso lesithandwa sakho ulibona ngoku senahlukanayo. Uzive usithi, “Ukuba ubani ebekhona ebomini bam ngekungenje.” Ngamanye amaxesha silibone ixabiso lendima yomntu sele ebhubhile, ubone izihlobo nezalamane zisitsho esimantshiyane kuba belahlekelwe ngumntu obelixabiso kubo.

Lo ke ngumkhwa esinawo sonke singabantu ukungamthatheli ngqalelo umntu esephakathi kwethu. Ukuba ungumlandeli wezopolitiko kweli lizwe lethu, umzekelo ofana nowayesakuba nguMongameli welizwe uThabo Mbeki ufika kuqala kwiingcinga. Igalelo likaZizi kwinkululeko, kuqulunqo lomgaqo siseko weli lizwe – zizinto ekungona ziqaqambayo ngoku engasadlali ndima inesihlahla eburhulumenteni. Sonke siyakhumbula ngonyaka ka2008 xa umbutho olawulayo waye wafaka uxinzelelo olukhulu kulo kaMbeki ukuba abeke phantsi iintambo njengomongameli welizwe. uDlamini lo waphuma ngosomvana kwesosihlalo, abe amalungu athile ombutho olawulayo esithi makaphume aphele abafuni nokuva nto ngaye.

Omnye wabantu abagqamayo ekuchaseni le ndedeba yayi ngowayesakuba ngumongameli wolutsha lweANC ngelo xesha uMnu. Julius Malema. Ithe ingekakhali nakathathu inkuku, zakubamuncu nakulo kaMalema iidiliya, samva sesithi bekungcono kwa uMbeki endaweni yalo kaZuma uphetheyo sithetha nje. Uyayibona ukuba injani ke lemo yomntu besithetha ngayo? Umntu abonwe ixabiso lakhe akusithela?

Le iveki iqale ngokuwongwa kwalo kaMbeki yiYunivesithi yoMzantsi Afrika (UNISA) njengeNgqonyela yayo, le nto kuthiwa yi-Chancellor. Masikhe sifumane umzuzwana sikrobiselane ukuba yintoni kuqala iNgqonyela yeYunivesithi, lo mntu ukhethwa njani, zintoni izinto ezenza umntu ukuba afanelwe leli wonga liphezulu kangaka kwicandelo lezemfundo.

Ingqonyela yeYunivesithi kuthiwa yintloko yayo ngokwesiko. Ngumntu oxanduva lwakhe ikukuhlalela iintlanganiso zonyaka zalapho, ekwasiso nesigidimi (ambassador) saloo yunivesithi kumazwe aphesheya nakwisizwe ngokubanzi.

Ingqonyela le ityunjwa njani? Ngokwemigaqo yeYunivesithi yaseKapa (UCT) ingqonyela iye iphakanyiswe ngabalawuli beziko lemfundo elo, ize ukuba abe maninzi amagama aphakanyisiweyo kuyiwe kwiivoti. Kule voti kuye kuxhamle abahlohli, abafundi, kunye nezifundiswa zalapho. Ize ke emva kolu dederhu lowo uphumeleleyo anyuswe njengeNgqonyela yeziko lemfundo elo.

Zintoni izinto ezijongwayo ukuze umntu abe ulifanele eli wonga lobungqonyela? Okokuqala kufuneka lo mntu abe neempawu zobunkokheli ezingenakuphikiswa nangubani na. Okwesibini, lo mntu kufuneka imfundo yakhe kube kanti ithe kratya khona ukuze ibe ngumzekelo kubantu belo ziko. Okwesithathu, lo mgqatswa kuyanyanzeleka kube kuthi kanti ubume bakhe nentsebenziswano anayo noongxowankulu, nendlela yokuziphatha kwakhe ibe yekhuthaza utyalo mali kweli ziko lemfundo kwiinkalo ngeenkalo. Okwesine lo mntu makabe nodlelwano oluhle nabaseburhulumenteni jikelele, kunye namava angathandabuzekiyo kwimiba yoburhulumente. Okwesihlanu, makabe ungumntu oziphethe kakuhle kwayena, kungabikho makhwiniba nazikhwasilima kwimpatho nesimilo sakhe.

Ezi ndizikhankanyileyo zizinto nje ezimbalwa ezithi ziqwalaselwe xa kutyunjwa ingqonyela. Ithi ke lo nto xa siyijonga kakuhle, lo ka Mbeki uvavanyiwe kwafumaneka ephumelele emagqabini kuzo zonke. Tyhini thiza, kanti ayinguye lo sasimgxeka simtyakatya? Ayinguye lo sasicula amagwijo ngaye sisithi asimfuni? Siqale nini ngoku ukumbona into yokuba igalelo lakhe lihle esizweni? Iyacaca ke ukuba nathi sifunyenwe ngula mkhwa besithethe ngawo kuqala wokuba ixabiso lomntu silibona mhla waze wasuswa kuthi.

Apho ukhoyo bheka bheka, ukhangelisise, ulibone ixabiso labo basondelene nawe iseli thuba. Ngenye imini uyakuthi , “akwaba” kube sekukwabekile. Mxabise umntu, ayingowakho ngokaThixo.