Eli lithuba lakho lokugqibela lokuhlaziya imitha yakho yombane ukuze ukwazi ukuba nombane. Umhla wokugqibela ngumhla wama24 kuNovemba ka2024.
UEskom uchaze ukuba emva kweCawe yale veki, iimitha ezisasebenzisa inkqubo yeKRN1 azisayi kuphinda zamkele amanani ombane, nto leyo eyenza ukuba imitha ingasebenzi. Ziimitha kuphela ezisebenzisa iKRN2 eziya kusebenza.
AbakwaEskom bathi nabani na ongekahlaziyi imitha yakhe, xa umbane wabo wangoku uphelile, baza kuhlala emnyameni. Oku kuza kunyanzeleka ukuba kutshintshwe imitha yombane nexabisa ukuya kuthi ga kwiR12 000.
NgoLwesine, umasipala waseKapa ubhengeze ukuba zonke iimitha zombane ohlawulelwayo zihlaziyiwe phambi komhla obekiweyo kuzwelonke njengomhla wokugqibela.
Ukujonga ukuba imitha yakho ihlaziyiwe, ufaka le khowudi kwimitha yakho yombane: 1844 6744 0738 4377 2416.
Ukuba imitha yakho ibonisa inombolo 2 okanye inombolo 2.2, ihlaziyiwe kwaye isebenzisa iKRN2. Ukuba ibonisa inombolo 1 okanye inombolo 1.2, kusafuneka uyihlaziye ukuze ukwazi ukusebenzisa inkqubo yeKRN2.
Indlela yokuhlaziya imitha yakho
Xa uthenga umbane wakho olandelayo, uya kufumana iithokheni okanye iinombolo ezimbini ezongezelelweyo zohlaziyo ezinamanani angama20. Oku kuthetha ukuba isiliphu sakho siya kuba neethokheni ezintathu zizonke.
- Faka amanani okuqala angama20 wethokheni yohlaziyo kwisiliphu sakho.
- Faka amanani esibini angama20 owabonayo kwisiliphu sakho.
- Okokugqibela, faka amanani angama20, la ngamanani ombane owuthengileyo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika