Ixesha lokubalisa amabali ethu

Sithe sisajonge ukubhubha kukamakhulu uWinnie Madikizela-Mandela, siphuma kwisikhumbuzo sakhe eMbizana, suke sakhutyekiswa ngomnye umphanga endleleni.

Utat’ uZola Skweyiya ulishiyile eli. Sinawo amanqaku esiwabhalileyo ngabo, funda ngala magqala omzabalazo kwiphepha lesine kweli uliphetheyo.

Ulutsha lwanamhlanje lusenongamazi ke yena uSkweyiya ngoba ebesele engunozakuzaku wethu pha kwelamaNgesi, phesheya. Kodwa singathi xa sifuna bamazi msinya, wayelulutho ekuqinisekiseni ukuba abantu namhlanje bafumana izibonelelo zikarhulumente.

Nangona imiphanga enje isothusa kufuneka siyamkele eyokuba iinkokeli zethu, amadelakufa omzabalazo, agugile ngoku.

Thina esinokukwenza kukuzeka mzekweni kwaye sibe nabo nabaza kubalisa amabali abo kwalapha kuthi. Apha eMonti bekubanjwe indibano yabadidiyeli beefilimu baseMpuma Koloni kule veki.

Sidane mpela ukufumanisa ukuba kukho iziko eligcwele qhu bubuxhakaxhaka banamhlanje bokwenza imiboniso bhanyabhanya yodidi, kodwa abenzi beefilimu abavunyelwa ukuba bangene phaya.

Iyafana nala nto yezikolo ezinikwa iikhompyutha neeTablets zihambe ziyokuvalelwa kumagumbi asecaleni zingaze zisetyenziswe ngoba abo banikwe igunya lwazo abazi ukuba zisebenza njani kwaye banoloyiko lokuba zakubiwa.

Kungafakwa abaziyo nje? Nangona kunjalo, sifumanise ukuba kusekude ukuba ibali leMpuma Koloni libaliswe kumabonakude. Okwangoku masamkele ukuba lakuhlala libaliswa ngabantu baphesheya kolwandle okanye abasuka kwamanye amaphondo kweli loMzantsi Afrika.

Enye into kunzima ukwenza umsebenzi onje nokubalisa amabali ulambile. Asazi ke ukuba iyakugxothwa njani loo kati eziko ukuze sikwazi ukumanyana sisebenzisane. Ngaphandle kokumonelana.

Isebe lezobugcisa ephondweni libonakalise ukuzimisela ngokuzisa le Film Indaba ephondweni. Ngoku makusekwe ikomishini yeefilimu ezakuthi ijongane ngqo nokuxhasa abadidiyeli beefilimu.

Ibali lethu kweli phondo leengqwele kufuneka silibalise ngokwethu, ingakumbi kumabonakude.