IXesi yeyona dolophu ilityelweyo

Ubume bedolophu yaseXesi engabonakalisi nkqubela phambili oko yakhiwa ngo1853UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

NGAPHANDLE kwamathandabuzo, idolophu yaseXesi, ephakathi kweQonce naseDikeni, yenye yeedolophu ezilityelweyo ngurhulumente weli.

IXesi, eyaziwa njengeMiddledrift ngesiNgesi, ibalisa ngentlupheko yayo usangena nje kuyo. Akukho zimpawu zabomi basedolophini sele ukuyo. Kwiqaqobana labantu beelali zaseXesi abatyelela le dolophu, ubomi ngumzamo okhatshwa yintsokolo.

IXesi yidolophu eyaqalwa ngonyaka ka-1853 kodwa ukuza kuthi ga ngoku akukho phuhliso inokuzingca ngalo.

Otyelela iXesi ngothwaxwa yintlupheko kuba abo baneempokotho ezintle baye batyelele idolophu yaseQonce okanye baye eDikeni xa befuna ukuthenga izinto ezisemgangathweni. Ukuya nokubuya eQonce, xa usuka eXesi, ngamashumi amathandathu eerandi (R60).

Ngokwabemmi baseXesi abancokole nephephandaba I’solezwe, iXesi ayinabhanki, iimpahla zokunxiba ezithengiswayo ngamasekeni futhi zixabisa imali evisayo. Kunjalo nasekutyeni, amaxabiso axhomile, ube umgangatho walo grosari usezantsi.

Kwenye yeevenkile etyelelwe zintatheli zephephandaba I’solezwe, umyalelo uthi: “Ungathenga ngekhadi ukutya kuphela xa ixabiso lakho lizakudlula kwiR50.”

Kule dolophu, ukuba ugqiba kusela isiselo, uyaxakwa ukuba uzakusithini kuba akubonakali mgqomo wakulahla inkunkuma. Kananjalo, akubonakali lingakho igosa lezendlela elinakuze lixambulisane nawe, likubuze ukuba kutheni umise imoto ngendlela egwenxa, kuba akukho migca imiselwe oko.

Ezona zakhiwo zihle kule dolophu zezo zeenkonzo zoluleko kwaneso sasemapoliseni. UNoposi walapha unika iingxaki phezu kwezi abantu abanazo. Ngethuba I’solezwe lityelele le dolophu, uKhayalethu Patrick Notshilane welali yakwaMathole kwaZixinene, ebegqiba usuku lwesibini elinde imali yakhe engange-R680 ayirhola kuphela ePosini.

UNotshilane, osebenza phantsi kwenkqubo karhulumente iExpanded Public Works Programme, uthi iPosi yaseXesi isoloko inengxaki yokungasebenzi koomatshini. “Apha eXesi ukuba ungumntu osokalayo, le dolophu yenza intsokolo yakho iphinda-phindane,” utshilo.

UNomahlubi Mnyamana waseChidarha uthi ukuba unengxaki ofuna ukuyilungisa ebhankini kufuneka uye eQonce. “Kunzima ukuba ngummi waseXesi. Iinkonzo zeebhanki asinazo, nesebe lezasekhaya asinalo, kufuneka uye eDikeni okanye eQonce,” kutsho uMnyamana.

UBongani Joko waseNjwaxa uthi bafuna urhulumente awusele ingqalelo umba wophuhliso lale dolophu. “Abatyali-zimali bakuba nomdla eXesi xa urhulumente enokuyiphuhlisa idolophu yethu. Sifuna idolophu esemgangathweni eXesi kuba imali esiyichitha sisiya eQonce ingaphaya kokuqonda,” utshilo uJoko.

Esenza intetho engobume bephondo kwiveki ephelileyo, iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uthe urhulumente wephondo uzakugxila ekumiliseni inkqubo yophuhliso lweedolophu ezincinane kweli phondo.

Enaba malunga noku, uMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho nezoKhenketho eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo, uthi uphuhliso lweedolophu ezincinane luxanduva lukarhulumente ebambisene nabantu balo ndawo. “Xa sisenza uhlahlo lwabiwo-mali, siza kubhengeza malunga nokuba zeziphi iidolophu ezincinane ezizakwabelwa imali yokuziphuhlisa,” utshilo uSomyo.