Ixhasa idabi labafundi iRhodes

UGqirha Sizwe Mabizela uyalixhasa idabi labafundi abafuna imfundo enomsila engahlawulelwayo: UMFANEKISO: MICHAEL PINYANA

IYUNIVESITHI yaseRhodes eRhini ilixhasa ngokupheleleyo idabi labafundi abafuna imfundo enomsila engahlawulelwayo.

 

Oku kuthethwe nguGqirha Sizwe Mabizela, usekela-ngqonyela waseRhodes, ngethuba lovavanyo-zimvo malunga nokuba ilizwe loMzantsi Afrika likulungele kusini na ukuqhuba inkqubo yemfundo enomsila engahlawulelwayo.

 Oluvavanyo-zimvo lantsuku-mbini eMpuma Koloni belubanjwe kwiholo yaseMonti ngoLwesine nangoLwesihlanu luqhutywa yiKomishini yokuqwalasela intlawulo yokufunda eyunivesithi (Fees Commission). “Urhulumente makangenelele axhase amaziko emfundo enomsila ngemali. Kukho nalangxowa-mali yabantu abangaphangeliyo (UIF), sicinga ukuba xa urhulumente engasebenzisa la mali yeUIF ukuxhasa amaziko emfundo enomsila, umahluko ungakhona,” kutsho uMabizela .

 

Noxa kunjalo, uMabizela uthi abafundi abaphuma kwimizi enepokotho ezifumileyo “mabahlawule” eyunivesithi. “Imfundo enomsila sokuze ibesimahla, kuba iimeko zoqoqosho azikuvumeli oko. Into emayenziwe, kukuba kuxhaswe abobafundi bahlelelekileyo,” utshilo uMabizela ngethuba ethetha eMonti ngoLwesihlanu.

 

Iiyunivesithi zaseMpuma Koloni – iWSU, Rhodes, Fort Hare neNMMU – zithe zalinikwa iqonga lokuvakalisa imbilini yazo ngethuba loluvavanyo-zimvo. Le komishini ijikeleza lonke ilizwe kulo msebenzi wayo wokukhangela izimvo ngale nyewe.