Ixhego libulele inkosikazi yalo

LIVELA kwinkundla yamatyala eNgcobo namhlanje ixhego elinamashumi asixhenxe  anesibhozo (78) lelali yakuDalasile eNgcobo, emva kokuba lithe labetha laze labulala umfazi walo onamashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni,  ixhoba kwakunye nomyeni walo babenengxabano engaziwayo ngobusuku bangoLwesithathu nethe yakhokelela ekubeni omnye wabo abhubhe.

Ityala lokubulala livuliwe ngamapolisa aseNgcobo, umyeni ujongene netyala lokubulala unkosikazi phambi kwenkundla yamatyala eNgcobo sithetha nje.