Ixhego lidlwengule umntwana walo ona-9

Amapolisa aseGcuwa aphanda ityala lokudlwengula emva kokuba ixhego lakumatyotyombe akwaYako eGcuwa, elineminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe (67) libanjwe ngezityholo zokudlwengula umntwana walo oneminyaka elithoba.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, le ntwazana idlwengulwe ngoMvulo kule veki ngethuba ixhego eli belishiyeke nale ntwazana kwityotyombe labo.

Esi sehlo senzeke ngethuba unina wexhoba ebesemsebenzini kwilokishi ekufutshane namatyotyombe lawo. “Ukubuya komama womntwana emsebenzini uqaphele imbonakalo engaqhelekanga kwintwazana yakhe emva koko wayibuza ngokwenzeke kuyo, kulapho iye yaphalaza imbilini yayo intwazana ngokuba idlwengulwe ngutata (stepfather) wayo. Emva koko umama womntwana uye wayokuvula ityala kwisikhululo samapolisa eGcuwa,” utshilo uManatha.

Ixhego eli libanjwe ngoLwesibini ngamapolisa aseGcuwa kwaye bekulindeleke ukuba livele ngomhla weshumi elinesine kule veki kwinkundla kamantyi waseGcuwa ngezityholo zokudlwengula umntwana.

abongile.ginya@inl.co.za