Ixhegwazana liduke likhangela iinkomo!

UMFANEKISO : UTHUNYELWE

LUSUKU lwesithandathu namhlanje lidukile ixhegwazana elinama84 ubudala lelali yakwaGwetyubeni eMacibe kuCentane. 


Ixhegwazana negama elinguNonezile Mapolisa, uduke ngomhla wokuqala kule nyanga sikuyo ngethuba emke ekhaya engumntu oyokukhangela iinkomo zakhe ebezingabuyanga ngezolo. 


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Jackson Manatha, uNonezile uye ngentsimbi yesibhozo kusasa kwihlathi elikufutshane akazange aphinde abuye.


“Usapho kwakunye nabahlali belali baphuma ngobuninzi bekhangela ixhegwazana ehlathini kodwa zange lifumaneke. Usapho lachaza kwisikhululo samapolisa kuCentane. 

Namhlanje (Lwesine) amapolisa akuCentane kwakunye neqela lezinja zamapolisa eMonti kulindeleke ukuba batyelele kweli hlathi bekhangela ixhoba, ” utshilo uManatha.

Amapolisa abongoza onokuthi abenolwazi ngexhegwazana okanye olibonileyo atsalele kwisikhululo samapolisa akuCentane ku047 498 1096.