UMkomishinala wesithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, uhlaba ikhwelo kuluntu malunga nalo naluphi na ulwazi olunokuthi luncede amapolisa ekufumaneni umbulali ongenalusini okanye ababulali abahlasele babulala ixhegwazana elinamashumi asibhozo anesithoba (89) ubudala laseWest End eBethelsdorp.
Isithethi samapolisa uCol Priscilla Naidu uthi amapolisa azisiwe ngokubulawa kukaNkosazana Sophie Erasmus emva kokuba isalamane samfumana edunduluze phantsi, elele ngobuso phantsi kwigumbi lokuphumla kwikhaya lakhe eSt Cyprian Street malunga nentsimbi yethoba kusasa ngoMgqibelo umhla wesixhenxe kweyeDwarha ka2023.
“Izandla zakhe bezibotshelelwe ngasemva ngeqhina. Ebehlaselwe entloko nasebusweni ngento ebukhali. Kwakungekho zimpawu zokungenwa ngenkani endlini. Eyona nto ekurhaneleka ukuba ithathiwe, yibhegi yakhe,” utshilo uNaidu.
Amapolisa arhanela ukuba eyona njongo yolu hlaselo isenokuba kukuphanga.
Nabani na onolwazi malunga nomrhanelwa okanye abarhanelwa uyacelwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi uSajini uRalton Tarentaal kwisikhululo samapolisa saseBethelsdorp ku-064 119 4437 okanye uCrime Stop ku-08600 10111 okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
UMajor General uNcata uvakalise umothuko wakhe sesi sihlaselo simanyumnyezi nesingenangqiqo kweli xhegwazana.
“Sicela uluntu ukuba luze ngaphambili nolwazi olunokuthi luncede abecuphi bakhangele kwaye babambe umrhanelwa okanye abarhanelwa ngoko nangoko. Ukuba kukho into oyaziyo okanye oyibonileyo, nokuba incinci kangakanani na okanye ikhangeleka ingabalulekanga, yiza ngaphambili usincede kuphando lwethu.
“Izenzo zobundlobongela obufana nezi azinandawo kuluntu lwethu ngoko ke, kufuneka sisebenzisane ukuze sigwebe umenzi wobubi okanye abenzi bobubi. Sibambisene sizakuqinisekisa ukuba inkumbulo kaNkosazana Erasmus ihlonitshwa ngobulungisa,” utshilo uMajor General Ncata ebongoza uluntu.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates