Ixhegwazana ligqumze uSASSA

Ixhegwazana elingusomashishini eligqumze iArhente yoMzantsi Afrika yoKhuseleko lweNtlalo (SASSA) liyalelwe ukuba liyibuyise le mali.

Inkundla yengingqi yasePretoria North inike iYunithi yokuThinjwa kweMpahla (AFU) umyalelo wokuba ibuyiselwe imali nguSarathamoney Devi Sigamoney oneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe (67) ubudala emva kokuba egwetywe ngezityholo zokuxoka, ubuqhetseba nobusela.

Oku kuza emva kokuba uSigamoney ebhalisele ukufumana inkamnkam yabantu abadala kwaSASSA ngethuba enguMlawuli wenkampani eyanikwa iithenda ezixabisa izigidi ezingamashumi asibhozo anesibhozo zeerandi (R88 million) yiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS).

Isithethi secandelo elijongene norhwaphilizo, i-Investigating Directorate Against Corruption (IDAC), uHenry Mamothame, uthi ezi thenda – nezixabisa izigidi ezingamashumi asibhozo anesibhozo zeerandi (R88 million) – zazi zezokuba inkampani yakhe (uSigamoney) ibonelele ngefenitshala yeofisi phakathi konyaka ka2017 ukuya ku2022.

UMamothame uchaze wathi ngomhla weshumi elinesithathu (13) kuTshazimpuzi ka2017, uSigamoney wafaka isicelo senkamnkam yabantu abadala kwaSASSA.

“Waye wafaka iafidavithi apho wabanga ngelithi akazange asebenze isithuba seminyaka engamashumi amabini (20),” utshilo uMamothame.

Utyholwa ngokufumana imali yenkamnkam kwaSASSA efikelela malunga neR123 000 ukusukela kweyeKhala ka2017 ukuya kweyeKhala ka2022.

Lo myalelo umisela ukuba iR138 593 kunye nenzala ye11,25% ngonyaka, ebalwa ukusukela kumhla walo myalelo ukuya kumhla wentlawulo, ihlawulwe kwabakaSASSA.

USigamoney ukwayalelwa ukuba akhuphe ubungqina bentlawulo kumbuso. Lo kaSigamoney uza kugwetywa kunyaka ozayo ngomhla weshumi elinesine (14) kweyoMqungu 2025.