Ixhegwazana litshe labhubha nabazukulwana balo kuGatyana

Ixhegwazana elineminyaka engamashumi asixhenxe (70) litshe labhubha ngumlilo kwakunye nabazukulwana balo ababini ngethuba belele kumzi wabo kwilali iMatolweni eNqadu kuGatyana kule veki.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi, abahlali bale ndawo babone amadangatya omlilo ephuma kwindlu le ibilele la maxhoba.

“Abamelwane babone lo mlilo ukulendlu ilele amaxhoba baleqa ukuya kunceda kodwa ngelishwa bafike amasango etshixwe ngeqhaga. Abahlali baye bazama ukutyhala isango bangena bafika sele ebhubhile amaxhoba. La maxhoba aquka intwazana eneminyaka elithoba (9) kwakunye nenkwenkwe eneminyaka elishumi elinanye (11),” utshilo uManatha.

UManatha uthi okwangoku basakrokrela ukuba unobangela walo mlilo ziintambo zombane. Iqwakuqwaku lophando livuliwe, utshilo lo kaManatha.