IZAKUXHOBISA ulutsha olukhubazekileyo ngezakhono inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle.
UMasualle ukwenza oku njengoko yokunika abo bakhubazekileyo amathuba alinganayo. I-ofisi yenkulumbuso izakubambisana neSETA ejongene nemfundo noqeqesho lwezakhono xa kusungulwa eli phulo kwindawo yaseMooiplaas eMonti namhlanje.
UMasualle uthe, “Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba ulutsha olukhubazekileyo linikwa amathuba elinganayo nabo bangakhubazekanga ukuze nalo lidlale indima kwiindawo elihlala kuzo.”
Eli phulo liziziphumo zentlanganiso yolutsha ebibanjwe ngoOktobha wanyakenye, kwaye lizakuqhuba kangangeenyanga ezintandathu phantsi koomasipala bengingqi yaseAmathole, eOR Tambo kwakunye naseNelson Mandela Bay.
Ulutsha olukhubazekileyo lizakufumana uqeqesho lokusebenzisa iteknoloji, ukuchwela, ukusuka ifele kwakunye neminye imisebenzi yezandla. UMasualle uthe oku kuzakunika abo bakhubazekileyo amathuba alinganayo noogxa babo abangakhubazekanga.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup