Ixovulwe shushu intetho kaRamaphosa ePalamente

UMongameli uCyril Ramaphosa esenza intetho ngethuba evula iPalamente eKapa. Umfanekiso: GCIS

Amxovule okwentlama yombona uMongameli Cyril Ramaphosa amalungu emibutho ephikisayo equka iEFF neMK Party ngethuba ephekwa ngemibuzo malunga nentetho yakhe.

Emva kokuba enze intetho emva konyulo okanye emva kwentetho yobume besizwe uMongameli Cyril Ramaphosa ubuzwa imibuzo ngamalungu ePalamente.

Imibutho ephikisayo ikhwele izehlela kuRamaphosa kuquka naleyo ibizama ukumkhusela imibutho kule ngxoxo.

Le ngxoxo ibhentsise ngamandla iinjongo ze-EFF neMk Party zokuba bahlale kwizitulo zemibutho ephikisayo. UJaji uJohn Hlophe weMK ugxeke le ntetho esithi ayinasihlala santo izakwenza umahluko kwiimpilo zoluntu loMzantsi Afrika.

“Thina besilindele ukuba uMongameli uzakuthetha banzi ngengxaki yokuveliswa kokutya kweli, eli lizwe lenziwe intsimi yokutya, akakhange athethe nakancinci ngalo nto,” kucacisa uHlophe.

UHlophe uthi ilizwe loMzantsi Afrika lidinga isicwangciso esicacileyo sokuba kuveliswe ukutya. Ukanti inkokheli yePatriotic Alliance uGayton McKenzie igxeke igxibha ngamandla uHlophe ithethelela uRamaphosa.

“Usebenze iminyaka emininzi usebenzisa umthetho osekelezelwe kwiRoman Dutch Law, namhlanje ufuna sikholelwe ukuba ayilunganga iRoman Dutch Law, asoze senze lo nto,” kutsho uMcKenzie.

Ukanti uGqirha Mbuyiseni Ndlozi we-EFF akakhange alibazise ukuqhayisa ngolwazi lwakhe exelela uMcKenzie ukuba uJaji Hlophe ngowokuqala ukugxeka iRoman Dutch Law kweli.

“UJaji uJohn Hlophe ngowokuqala ukukhupha ulwazi malunga nomthetho weRoman Dutch Law, ewugxeka ewugxibha kangangoko, khangela ulwazi oluchanekileyo ngezi zinto uthetha ngazo,” kutsho uNdlozi.

Ingxoxo ebonakele ngexesha lemibutho ixoxa ngentetho kaRamaphosa ibonisa okokuba ngenene awazukuba nantsimi yankosi amalungu epalamente kwesi sihlandlo.

Ukanti amalungu ombutho weANC asabonakala eqhekeke kubini malunga nesigqibo sekomiti elawula lo mbutho sokuba izimanye okanye isebenzisane neDemocratic Alliance. Unobhala jikelele kwiANC uFikile Mbalula uyavuma ukuba ngenene zizakubakho iingxaki kwindibanisela yeANC namahlakani ayo aquka iDA.