Ixuthwe ilindele ukutyiwa igusha ebiweyo yomcimbi

Amapolisa awuthathe ulindele ukutyiwa kumcimbi othile kuQoboqobo kuCentane umzimba wegusha ekurhanelwa ukuba ibiwe eTutura kwakule dolophu.

Isithethi samapolisa ale ndawo uKapteni Jackson Manatha uthi, oku kuza emva kokuba amapolisa exelelwe ukuba kukho indoda eba iigusha kuCentane. UManatha uthi zisibhozo iinkabi zegusha ezibiwe eTutura. Zizonke ezi nkabi zixabisa ishumi elinesibini lamawaka eerandi (R12 000).

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesibini ebeziba azithengise kuCentane naseGcuwa ezi gusha. Iqhinga lakhe khange limsebenzele kwesi sihlandlo, emva kokuba amapolisa ehletyelwe ukuba kukho igusha exhelwayo kumcimbi obukuQoboqobo. Kulo mzi wakuQoboqobo, le gusha ibixhelwe yititshalakazi ebisenza umbulelo kwizinyanya zayo, kwaye amathumbu nezibindi ebesele eqalile ukutyiwa.

Amapolisa agaleleke kanye emva kokuxhelwa kwale gusha ze awuthabatha lo mzimba waloo nkabi ityetyiswe kunene awusa kumniniyo. Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi komantyi wakuCentane namhlanje ejongene namatyala okuba imfuyo.

Kusenjalo, uManatha ukwathe yiveki yesithathu yena buqu elahlekelwe yinkabi yegusha eTutura, engazi nokuba isadukile okanye ibiwe na.