Uyabekwa ngoMgqibelo umhla wesithathu (3) kwilali iSintsana kuCentane obeyiNkosikazi nobekwakhokhele iBhunga leeNkosi zamaNgqusi kuCentane, uNkosikazi uNomlindelo Dondashe (53).
Umzimba wakhe ubhaqwe udunduluze ngakwihlathi laseTheko Fihla kuCentane, ubhaqwa ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo.
Ingxelo ithi umke ekhayeni lakhe kwilali iNxaxho nekwaWard 26 phantsi koMasipala uMnquma esiya edolophini kuCentane, akazange abuye.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Siphokazi Mawisa, umzimba wabhaqwa ngabafundi beziko lemfundo iTheko Vocational nabaye babikela amapolisa.
Umzimba wale Nkosikazi wafunyanwa unamanxeba embumbulu kumzimba ongentla nekubonakala ukuba wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.
INdlu yeeNkosi zeMveli eMpuma Koloni ithi esi senzo sokubulawa kukaNkosikazi Dondashe sothusile.
Ithi uDondashe ibingumntu kwiindibano obesoloko elwela ukhuseleko kwaye elwela nokuhoyeka kweelali.
Le Nkosikazi, nebililo nelungu lebhunga leeNkosi eAmathole, ikhokele ngomzekelo ngexesha layo kwaye amava kwakunye nolwazi lwayo luncedise kakhulu kwiiNkosi zasekuhlaleni.
Le Ndlu yeeNkosi ePhondweni ayidlulisi kusapho kuphela lakwaDondashe amazwi ovelwano, ikwawadlulise kwiAmathole Local House kwakunye nakuMaTshawe ephela.
Ukanti uSodolophu woMasipala weSithili (ADM) uAnele Ntsangani, udlulise amazwi kusapho, esithi ingalo yomthetho mayidlale indawo yayo kubanjwe abenzi bobubi.
NgoMvulo kule veki bekubanjwe inkonzo yakhe yesikhumbuzo nalapho iiNkosi zephondo kwakunye noSekela Mphathiswa kwezoKhuseleko kuzwelonke uZizi Kodwa noyinzalelwane yakuCentane ebeyinxalenye nesi sikhumbuzo.
Ngale mpelaveki sivela kuyo kuphehlelelwe kuCentane iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokuthi phantsi ngokuxhatshazwa kwabantwana kwakunye namanina.
Okwangoku akukabanjwa mntu, amapolisa asenza uphando. Onokubanolwazi angasebenzisana namapolisa ngokuthi atsalele uSergeant Thandisizwe Magama ku: 079 890 0759 okanye ku:08600 10111.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10