Iyabethwa indoda eBhayi

UKUBA ungunqevu ogacele ukumosha uluntu eCentral eBhayi, yazi ukuba uyakuze udibane neembila zithutha ngenye imini.

Kutshanje abemmi bangaphandle bahlasele indoda yeli loMzantsi Afrika, ehlala eBhayi, emva kokuyirhanela ngokuba ifowuni kule ndawo.

Abemmi bangaphandle bebezihlelele eCentral ngethuba kufika ummi weli loMzantsi Afrika esithi uthengisa ngetshaja (charger) yefowuni. Ngokwengxelo ephuma kummi waseSomalia, le ndoda baye bayixelela ukuba abanamdla kule tshaja. “Emva koko uwe wathabatha ifowuni yomnye wethu wabaleka nayo. Asikhange sibe silaqaza siye samleqa,” utsho lo mmi.

Ngenene le ndoda bayifumene iphethe ifowuni le barhanela ukuba iyibile. Abakhange babuze, baye bonda ngayo. Liyinene elithi, umntu uyakusoloko enethamsanqa kuba le ndoda isindiswe kukufika kweentatheli zephephandaba I’solezwe lesiXhosa kwanomnye ummi weli loMzantsi Afrika. Emva kokuba inqandelwe le ndoda, iye yahamba yabe ingophisi gazi, kucaca ukuba oo “My Friend” (nanjengoko ebizwa njalo la madoda angaphandle) akhange bayifike kanobom.

Umhlali waseBhayi uStella Mini uthi, ivamile ingxaki yezehlo zolwaphulo-mthetho eCentral. “Sinengxaki yokuxhwilelwa iibhegi zethu xa sisiya emsebenzi ekuseni, sicela noko amapolisa ale ndawo asincedise ajonge iCentral, ingakumbi ekuseni,” utshilo uMini.