Lidudume ladlula njengoko ulwenyulo loorhulumente basekhaya ebelungomhla wesithathu ka-Agasti lube yimpumelelo.
Iziphumo zalo zingundabamlonyeni njengoko zikhombisa ukwehla kwenkxaso yabavoti ngohlobo olungazange lubonwe ngaphambili ezimbalini zeANC.
Inene kuyacaca okokuba kwiANC umandlalo mfutshane, akukho ukunaba. Iyachachamba intsika exhase ulawulo lwalo mbutho.
Sihlala sisiva ngenkolelo ethi imibutho yenkululeko ilawula iminyaka elishumi okanye engamashumi amabini emvakoko iphulukane nenkxaso yabavoti.
Kodwa akukho nkolelo itheni efunekayo ukuchaza izizathu zokwehla kwenkxaso yeANC kolu lwenyulo kuba ingcaciso ilula.
Ayiyombali eziphindayo ngemibutho yenkululeko le yenzekileyo ngaphandle nje kokusilela kweenkokheli ukuhlonipha izimvo zabantu nebekungathintelwa kuselithuba.
Iinkokheli zeANC ziphakamile. Usakhumbula mhla uNomvula Mokonyane wayesithi lo mbutho awuthanga nqa ziivoti ezimdaka zabantu baseBekkersdal?
Usakhumbula amatyeli ngamatyeli uMongameli Jacob Zuma esithi lo mbutho uza kuphatha kude kubuye uYesu? Ayikokujongela phantsi abavoti oko?
Okubalulekileyo kukuba uninzi lwabavoti luvote ngohlobo olubonakalisa inkcaso kurhwaphilizo, ukununusana ngezikhundla zaseburhulumenteni, kunye nokuxhwilwa korhulumente ngabanjongo ikukuhlohla izisu zabo.
Eli zothe loyanyaniswa nezinye zeenkokheli zeANC. Kolu lonyulo uluntu lubonakalisile okokuba luchasene noku.
Ukuba iANC isenenjongo zokulawula kuza kufuneka izinukise amakhwapha yenze into ngezi zinto zintathu, kuquka utshintsho kwiinkokheli.
Konke oku kuza kufuneka kwenzeke ngokukhawuleza kuba sisajonge kulwenyulo lovalo-zikhewu kwakulo nyaka nolungakhokelela ekuphulukaneni nezinye ingingqi zomasipala ukuba awunqandwa lo msinga.
Ngaphezu koko, selufutshanisile nolwenyulo loorhulumente bamaphondo nozwelonke ngonyaka we2019. Kuza kuqhuma uthuli.
Ewe ukulahlekelwa yinkxaso kweANC kolu lwenyulo loomasipala kusenokuba kudiza into ethi uYesu ubuyile!
Xa kuthelekiswa iziphumo zolu lwenyulo kunye nezolwenyulo lukazwelonke lwangonyaka we2014, soqaphela ukuba iANC iphulukene ne 8% yabavoti ngeli lixa iDA ifumene 4% neEFF ifumene 4%.
Okunye okuqaphelekayo kukuba abalandeli beANC abaphumanga ngobuninzi ukuyokuvota. Nangona iANC isengowona mbutho unesininzi sabalandeli kuzwelonke, ukuphulukana kwayo nolawulo loomasipala abakhulu kunye nenani labalandeli bayo elivotele amanye amaqela kwenza olu lwenyulo lube lolunomahluko kunento esakhe sayibona ngaphambili.
Olu lwenyulo luzalele oomasipala abayi 27 apho kungekho qela elifumene isininzi seevoti. Kubo kuquka abakhulu njengeRhawuti, Tshwane, Ekuruleni, Nelson Mandela Bay, kunye neRustenburg. Kuphinde kubekho nabangeneno kwabo ngobukhulu abaquka iModimolle, Laingsburg, Mtubatuba, kunye neThabazimbi.
Kunamhla nje ukulawula ngobambiswano yinto engundabamlonyeni. Akwaziwa ncam ngolona hlobo ekuza kulawulwa ngalo aba masipala kule minyaka mihlanu izayo.
Kusengaba nguqulukubhode wempikiswano engapheliyo owenzeka kwiminyaka emihlanu edlulileyo eSwellendam naseOudtshoorn kweleNtshona-Koloni. Kusengaba kukuginywa kwamaqela amancinci njengoko kwaba njalo kwi-Independent Democrats kaPatricia de Lille eKapa.
Xa kulawulwa ngokubambisana kuza kunyanzeleka amaqela ankazathe ngezihlalo aseke urhulumente, abelane ngezikhundla ezifana nesikaSodolophu nesekela lakhe. Zamkelisa imivuzo encumisayo ke ezi zihlalo ephakathi kwe R200, 000 ne R650, 000, kushiyana ngobungakanani bomasipala.
Ngenxa yokungena kwiingxoxo namaqela amancinci malunga nokwakhiwa korhulumente wobambiswano kwaba masipala, iANC iguqukile emehlweni abantu ekubeni ngumbutho wenkululeko yaba lelinye lamaqela njee ezopolitiko asemva kwezikhundla.
Oku kusengabanefuthe lokungxenga izithembiso ezenziwe phambi kolwenyulo, kungxenge imbali yeANC yokukhokela umzabalazo wenkululeko kunye nemigaqo-nkqubo eyakhokelela ekuthenjweni kwayo sisininzi sabavoti ukusukela ngonyaka we1994.
Kusengehlisa isidima sayo kubemi beli nabamazwe angaphandle njengoko kuza kuqhawuka kuhlangana kusananiselwana ngezikhundla kukwathethwa iintetho ezimbaxa-mbini.
Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini