KAPA:
Iphinde yahlasela kwakho imililo yamatyotyombe eNtshona Koloni.
Oku kuza emva kwamalangatye omlilo nagubungele indawo yoogobityholo koo-S eSite B, eKhayelitsha.
Lo mlilo uhlasele ngoMvulo umhla weshumi kule nyanga, nalapho utshabalalise amatyotyombe angaphaya kwamashumi amathathu kuquka namatyotyombe athe onakaliswa ngethuba izicimamlilo zivula indlela yokungena. Ngabantu abaqikelelwa phantse kumakhulu amabini abashiyeke bengenandawo yokuqhusheka iintloko.
Kukholeleka ukuba lo mlilo uqalwe yinkwenkwana ebidlala ngecricket isebenzisa imatshisi ngelizama ukuyivuthisa nto leyo ibangele ukuba umlilo unamathele kwityotyombe elithile, ze wanwenwela nakwamanye amatyotyombe.
Esi siganeko sehla kanye ngelixa usuku lwekrisimesi sele lisemnyango nanjengoko uluntu belugqibezela ukuthenga izinto, bambi begqibezela ukuthenga iimpahla kuba sele bekulungele ukuya kutyela iiholide zehlobo kumaphondo awohlukeneyo. Sisithuba nje seeveki ezimbini emva komlilo wamatyotyombe othe wehla eThsepethsepe eKhayelitsha
“Uninzi lwabantu luphulukene neempahla ngenxa yokuba bebengekho bekwiindawo zempangelo. Wenzeke emva kwemini ngezithuba zentsimbi yesine, nabakhoyo baphume besonge izandla,” utshilo uThando Mpengezi, uceba wakwaWard 91.
UMpengezi uthi akukho mntu ufumene ukwenzakala kwesi siganeko. Esitsho kananjalo ukuba nangona zifike ngokukhawuleza izicimamlilo, kodwa ezinye zezigadla zabo zifike zingenamanzi, nto leyo ibangele ukuba umlilo ukhawuleze ukunwenwela nakwamanye amatyotyombe, logama zona zisajikeleza iKhayelitsha zikhangela amanzi.
Uninzi lwabahlali lukhalela izinto zalo ezitshe zalithuthu nanjengoko bebesele begqibile ukuthenga izinto zeKrisimesi.
Olu lolona suku lubaluleke kakhulu ebantwaneni nanjengoko benxiba iimpahla zabo ezintsha.
Kungokunje bambi kubahlali sele beqalisile ukubeka kwakho amatyotyombe abo.
UMpengezi uthi aba bahlali bahlala ebugxwayibeni, bafika kule ndawo ngonyaka ka1989.
Uthi baqala iingxoxo zokususwa kwabo kule ndawo neSixeko saseKapa ngo2012, nesathembisa ukuba baya kufuduselwa kwindawo engcono, ze ngo2014 batyikitya isivumelwano sokuba bafuduselwe kwezinye iindawo.
“Isixeko saseKapa sincwase ukuphonononga izivumelwano ezathi zatyikitywa ukulungiselela ukuba abantu basuswe kwiimeko ezikumila kunje,” utshilo uMalusi Booi ophuma kwisixeko.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump