Iyakhula inkxaso yombutho omtsha kaVavi

Kukho imibono eyahlukeneyo malunga nomhla wokumiselwa kombutho omtsha wabasebenzi osungulwa ngulowo wayesakuba ngunobhala weCosatu uZwelinzima Vavi.

Ukumiselwa ngokusesikweni kwalo mbutho kulibazisekile nanjengoko bekulindeleke ukuba kwenziwe njalo kwisithuba senyanga egqithileyo.

Oku kwavela emva kokuba uVavi wathi wagxothwa kumbutho ongugalelebhayi wemibutho yabasebenzi iCosatu waza wafumana inkxaso kwimibutho efana neNumsa.

UVavi uncokole nephephandaba I’solezwe lesiXhosa malunga nezinto ezibangela ukulibaziseka kokusekwa kwalo mbutho wabasebenzi. “Kukho izimvo ezahlukileyo ezivela kwimibutho esixhasayo nakubantu abahlukileyo ingakumbi ngomhla nendawo omawumiselwe kuyo lo mbutho, kodwa kona inkxaso iyakhula,”uthethe watsho uVavi.

Umbutho wabasebenzi iNumsa ngowona ungazange ulibazise ukubonakalisa ukuxhasa lo kaVavi kwanombono wokuba makumiselwe omnye umbutho wabasebenzi.

“INumsa icela ukuba sisebenzise inyanga yoKwindla kunyaka ozayo ukumisela lo mbutho, nabanye ke endingenakubachaza bacela ukuba sifumane ithuba elaneleyo ukwenza amalungiselelo ethu,”ucacise watsho uVavi.

Ingxelo ithi ngabasebenzi abakumashumi asixhenxe anesithandathu abangengomalungu emibutho yabasebenzi kweli loMzantsi Afrika. Uninzi luwubone lo mbutho njengozakukhuphisana kunye nombutho weCosatu kwezabasebenzi.

Lo mbutho bekulindeleke ukuba umiselwe ngokusesikweni ngomhla wokuqala wenyanga kaCanzibe walo nyaka.

“Ngamashumi amahlanu anesine eepesenti ekhulwini abasebenzi abathathelwa izigqibo ngemirholo yabo ngaphandle kokumelwa ngumbutho wabasebenzi,”uthethe watsho uVavi.

UVavi ngaphambili uxelele uMzantsi Afrika ukuba yimibutho yabasebenzi ekumashumi amahlanu ekulindeleke ukuba ixhase umbono wokumiselwa kwalo mbutho mtsha.

Uhambisa athi, le ndibanisela imele abasebenzi abakwizigidi ezisixhenxe kuMzantsi Afrika jikelele. “Asikhuphisani neCosatu kuba akukho nto sinokukhuphisana ngayo,sijonge ukusebenza ukuba sizibonakalise ngomsebenzi wethu,”utshilo.

“Siyaxolisa kakhulu kubasebenzi baseFrere Hospital eMonti, kuba bekulindeleke ukuba sibephaya, kodwa asikhange siphumelele ngenxa yezinye iingxaki,”utshilo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za