Andimntu ukuhoyileyo ukunxiba ngefashoni nangexabiso eliphezulu. Ukuba endikunxibileyo kwamkelekile kubaqeshi nakubantu bam endikhulela kubo, kulungile. Enye nenye andiyinanzile.
Ukuthenga impahla nako andikuhoyile, kwanokuthengela abantwana ngaphandle kwesidingo, sele kusithiwa yikilisimesi. Ndikhule kungekho uhoye loo nto kuJusefu. Ngekilisimesi besilola intsente, sithambise, sinxibe esinayo, sichaze iinwele, singene endleleni nengxowa zethu sihamba sicela ikilisimesi. Iikuku besizidla de sigibiselane ngazo, kube kuphela kwento eyayiba ngumahluko kuthi leyo ngekrisimesi.
UMamTolo uhlala sisigxentseba emva kwam ke endibiza imali yokuthenga impahla, ngathi zintombi zethu zibiza imali yesendlo koonyana. Ndiba njeyaa mna ukwala; ndisithi abantwana basenayo iimpahla kwaye isafanelekile! Sukube ndingabhoxi ke, sukube ndiyibona enye irhuqa phantsi, iityesi zivalwa ngedolo neewodrophu zihlala zigengiwe kukugcwala!
Kuleyo nto yokungahoyi ke, imo yokunxiba kwam sele ingxamele ukubamba umbala wenkomo. Kunceda uMamTolo ngokuthi xa ndithe ndamnika nokuba yeyokuthengela abantwana andithengele nam. Ndiyamlwisa ke, ndithi andingomntwana mna, ndiza kuzithengela impahla xa ndiyidinga. Uyibetha ngoyaba ke leyo nto.
Kuloo nto yakhe ke yokundenza umntwana, nesele ndibuyinyamezele ke, siyabhidana rhoqo endithengela ibhulukhwe.
Ndandimcelile ukuba aziyekele kum zona. Kodwa nalapho uphuma izithuba, akunyali ukusuka ndimbone endiphosela idangali ukuba ndilinganise. Ndiye ndimxexebule kakubi ke ndibucaphuka seso senzo.
Ingxaki ke uthi ulinda ancame, andizithengi, abe ezibona zimbatshile endinazo. Andixake ke ngokutsho, kuba ibingazu hlala ikhangeleka ntsha kaloku impahla inxitywa!
Ngenye imini ke undiphathele idangali endathi ndakuyilinganisa ndafika ingathi yibhulukhwe yokuqabela amahashe, into eyasuka yandibamba kwanzima nokuphakamisa umlenze. Ndizame ukuyikhulula ndicaphuka suka yandikilipha ndaya kuhlala ngomhlana phantsi ngendlela engenambeko. Ukundiwisa oku ke kukuba ndiyikhulule ngomsindo yabe incinci kakhulu phaya emilenzeni de yangathi zeza kawusi zoomama ziphela esinqeni. Enjalo ke ifuna uhlale phantsi ukuze uyitsale phaya emanqineni, oku kwekawusi yenene.
Ndiyalele ukuba iphindiswe evenkileni kwangelo xesha leyo nto leyo. Ngengomso ubuye nengconwanana, kodwa nayo incinci, nalapha esinqeni iphela ingawugqumanga umthsintsila. Siyitsale sayincama sifuna ukuba indogqume ndonke, suka kwacaca ukuba siza kuyikrazula.
Kuthe kwakucaca ukuba naleyo ndifuna ibuyiselwe evenkileni wandibhokela, esithi akukho nto inayo leyo bhulukhwe kwaye azisafumaneki lula iidangali ezimgquma wonke umntu, kugcwele ezi zokutebhisa. Utsho esithi ke ndiza kuyinxiba nehempe, ndingahlohli. Kwekhu!Nanjengomntu woxolo ke, ndithe mayibekwe phaya ndobuye ndiyizame. Ndithe mhla ndiyilingayo kwakhona ndase ndafika ngathi incinci nangakumbi.
Kulapho ke ndiyisonge kakuhle ndayifihla kwindawo angena kuyibona kuyo uMamTolo nendithe ethubeni ndaphisa ngayo. Uthe eyifuna ngenye imini eza kundinxibisa andake ndiyazi, yabhuqwa kwanjeyaa, ayake itsho ukuvela ibhulukhwe. Andikayichazi nangoku ukuba ndaphisa ngawo lowo mpitso wakhe.
Nangona kubalulekile nje ukuba sikwamkele ukuguquka kwezinto esingena kuzinqanda, kukwabalulekile nokwazi ukuba asizizo zonke iinguqu ezisifaneleyo. Zingade zibe zilungile ke mhlawumbi, kodwa into yokuba azisifanele sonke ibalulekile ukuba nayo yamkelwe.
Nayiphi na ke into ayenzayo umntu makayijonge ukuba imfanele na yena kwanokuba angathanda na ukwayanyaniswa nayo. Ukuziqonda nokuzazi ngundoqo emntwini, kuyo nayiphi na into ayenzayo. Izigqibo ezizizo umntu zezo azenza akuziqonda, ezenzelwa ekungaziqondini ziyafana nje nezomnxilo. Zikhangele ke mntundini endinguye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?