Uceba woMasipala uMbhashe uNoxolo Mnqweno-Maliwa (47) odutyulwe wabhubha phambi kweshishini lakhe ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, uchazwe njengalowo ebezinikela kumsebenzi wakhe wokumela iimfuno zoluntu, kwaye eyakukhunjulwa nangokonwabisa, oku kudizwe zizithethi kwinkonzo yakhe yesikhumbuzo ebibanjelwe eTRC Hall edolophini eDutywa ngoLwesibini kule veki.
Ngokwembalelwano ekhutshwe nguMbhashe, uMnqweno-Maliwa ubhaqwe enenxeba entloko lokudutyulwa engaphakathi emotweni yakhe. Ngethuba edutyulwa ebemise phambi kwethaveni yakhe kwilali yakuSofuthe eNgcingwane.
Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Tembinkosi Kinana, le nkosikazi idutyulwe emva kwentsimbi yokuqala emini ngoLwesihlanu ibala imali njengoko ibiyokukoleka kwishishini layo.
UKinana uthi abarhanelwa ngamadoda amabini angaziwayo ebezigqume ubuso.
Le nkosikazi iza kube ibekwa kwikhaya layo lokugqibela ngoMgqibelo eCandu eDutywa.
USomlomo weBhunga eMbhashe uBabalwa Majavu umemelela abasemagunyeni basebenzisane ekubeni kubanjwe abenzi bobubi badibane nengalo yomthetho, kwenzele nosapho lufumane ukuphumla noxolo.
Umbutho olawulayo iANC kwingingqi iAmathole nayo idlulise amazwi ovelwano kusapho lukagxa wabo nalapho naye ememelela ukuba kubanjwe ngokukhawuleza abenzi bobubi.
UMnqweno- Maliwa uqalise ukungena kulo masipala ngo2016.
Amapolisa alivulile ityala lokubulala kwaye akukabanjwa mntu, kusaphandwa.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10