Iyangcwatywa inkosikazi eyabhubha ngo1999

UZAKUBEKWA kwikhaya lakhe lokugqibela ecaleni kwengcwaba likanina kuKomani ngoMgqibelo uBetty Ketani.

Emva kweminyaka elishumi elinesixhenxe uKetani wathi wanyamalala eGoli ngoMeyi ka1999. Wayengumsebenzi kwiresityu eseRosebank eGoli ngethuba enyamalala, kungaveli mkhondo ngaye.

Umkhondo ngokwenzeka kuye uvele ngo2012 emva kokuba umnini mzi wendlu eseKenilworth eGoli ethe wabhaqa ileta echaza ngokubulawa kwakhe.

Olu sapho lalitshintsha ikhapheti kweli khaya, lilungiselela ukuyithengisa le ndlu ngethuba lifumana ileta eyayibhalwe yindoda ethile, uCarrington Laughton echaza ngendlela awathi wambulala ngayo okaKetani.

Olu sapho layidlulisela emapoliseni kwalapho eGoli le leta, nawathi asakuyiphanda afumana umkhondo ngokulahleka kukaKetani.

Uphando lamapolisa lakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abathandathu, saze isithathu kubo, uConway Brown, uPaul Tof-Nielsen, kwakunye noDirk Reinecke bathi balivuma ityala, basebenzisana nomthetho ngethuba kutshutshiswa esinye isithathu.

Banika umkhondo owakhokelela kwindawo owawungcwatywe kuwo umzimba wakhe, phambi kokuba ababulali baphinde bawombe bawulahle apho ungekafunyanwa mntu.

Ngethuba ephanda le ndawo wawugcwatywe kuyo amapolisa afumana amathambo amathandathu nawakhokelela ekugunyanisweni kokuba ngokwenene ngawakhe emva kokuthelekiswa kobungqina beDNA namalungu osapho.

NgoLwesithathu, olu sapo lilande umphefumlo wale nkosazana kwindawo owaphumela kuyo, baqokelela amathambo kwanomhlaba awayekhe walala kuwo emva kokuba ethe wabulawa.

Liqhube iminyaka emine eli tyala phambi kokuba uLaughton namadoda amabini awezanayo uDavid noCarel Ranger bafunyanwe benamatyala, elokuxhilwa nokubulala uKetani.

ULaughton ugwetywe iminyaka emngamashumi amathathu entolongweni, ngelixa la madoda mabini akwaRanger egwetywe iminyaka emine emnye kubo.

UMankinki Kula ongumnakwabo uthe, “Siyavuya kakhulu ityala lide laqosheliswa, ngoku sizakumngcwaba sityhile nelitye ukwenzela ukuba silusapho sibenendawo esimkhomba kuyo, sithi ulele apha.”

Intombi yakhe yamagqibelo yayinonyaka ngethuba unina enyamalala.