INGQUMBO yabahlali baseGlenmore eNgqushwa malunga nento abayichaza njengokutyiwa kwemali eyayabelwe ukwakhiwa kwebala lezemidlalo kule lali, ibangele uqhekeko kumagosa omasipala waseNgqushwa.
Yimali ekwizigidi ezithathu zeerandi eyachithwa ngethuba kuphuculwa ibala lezemidlalo laseGlenmore, kodwa ibala lashiyeka linenkunzana nengca eyenza kubenzima ukudlala.
Ngaphambi kokulungiswa kweli bala kweyoMqungu ngo2016, abahlali baseGlenmore babebamba itumente rhoqo ngePasika kugcwala kuthi qhu ebaleni.
Kodwa ngoku iphelile lo nto, kuba umasipala umoshe ibala endaweni yokulilungisa.
Umsebenzi wokuphuculwa kweli bala wawunikwe inkampani kanondyebo weANC eAmathole uOnke Mgunculu, ebizwa njengeMgunculu Trading.
Igosa lezonxibelelwano kumasipala waseNgqushwa uNcumisa Cakwe, wathi ibala ligqityiwe noxa nje abantu baseGlenmore bengakwazi ukulisebenzisa ngenxa yemeko embi.
Kodwa kwiveki ephelileyo, uSomlomo waseNgqushwa uNombuyiselo Magingxa uthe imeko yeli bala ibangela umasipala abeyintlekisa. Oku kuza emva koqhankqalazo lwabahlali baseGlenmore neziphaluka abathi bafuna ingcaciso malunga nemeko yeli bala.
“Siza kuziqwalasela izikhalazo zenu bahlali. Noko imeko yebala laseGlenmore iyasihlebisa singumasipala,” utshilo uMagingxa.
Ngokwemigqaliselo yomsebenzi wokuphuculwa kweli bala, iMgunculu Trading kwakufanele yenze ezi zinto zilandelayo: Isango elitsha, izindlu zangasese zamadoda namakhosikazi, izindlu zokutshintsha zabadlali, ibala elitsha lebhola yomnyazi, ibala elitsha leBasket Ball, izitulo zokubukela, ibala leembaleki, ukufakela ingca yala maxesha, ukufakela izixhobo zokunkcenkceshela kwanokufakela imijelo yamanzi.
Kodwa utyelelo lwephephandaba I’solezwe kule lali, lubonisa mfanekiso wumbi. Kutyelelo lwethu, sagangwa libala elingenamfaneleko wazigidi ezithathu. Abahlali banike lo masipala iiveki ezimbini ukuze aphendule kwizikhalazo zabo. Ngethuba esenza udliwanondlebe nephephandaba I’solezwe, uMgunculu wathi: “Umsebenzi ndawugqiba, ze ndanikeza ngesiqinisekiso (isatifiketi) esingqina ukuba umsebenzi ndiwugqibile ngo2016. Akunakugxekwa mna ngemeko yela bala elimoshwe ngabantu futhi liphinde lingakhathalelwa.”
ULindokuhle Vellem, oligosa lakwaAfesis-corplan kwicandelo lokuhlolwa kwendlela azisa ngayo iinkonzo eluntwini urhulumente, uthi le ntshukumo yabahlali ifanele ukuba sisilumkiso kumasipala waseNgqushwa. “Into esivuyisayo kukuba abahlali baseNgqushwa, hayi eGlenmore kuphela, banolwazi oluphangeleleyo malunga namalungelo abo.”
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party