Iyantlukwano yeANC ibeyinzuzo kwi-EFF

IYANTLUKWANO kwiANC eNelson Mandela Bay seyikhokelele ukuba enye yeelokishi ezinkulu kulo masipala ibe sisigqubu seEFF.

UWadi 54 oquka indawo yakwa NU29 eMotherwell eBhayi seyisaziwa njengesigqubu seEFF.

Umgqatswa weEFF kule Wadi uVulikhaya Phasiya uthe, “Umhlaba uyehla, singayiphumelela le Wadi, emva koko singaphindi siphulukane nayo.”

Le ndoda inamashumi amathathu anesine weminyaka ubudala ithe, “Sinamasebe kulo lonke elaseBhayi, kodwa uWadi 54 likhaya leEFF.”

UPhasiya uthe, oku kungunobangela woqhekeko kwiANC ebikade ingowona mbutho kule lokishi.

“Amalungu kwakunye namavolontiya eANC kule Wadi akamfuni umgqatswa walo mbutho uMorgan Tshaka, kuba bathi wanyanzelwa kubo, ngoko ke bagqibe kwelokuba bazakuvotela iEFF,” uqhube watsho.

UPhasiya wajoyina iEFF ngo2013, wadlala indima enkulu egayela lo mbutho inkxaso de amalungu eANC awayengayithandi lo nto atshisa indlu yakhe yeRDP.

“Babendityhola ngokuthi ndisiza uvukelo lweANC, ngoku ndihlala emkhukhwini ongenayo nendlu yangasese, ndizinceda ematyholweni.”

Uqhube wathi, “Amalungu eANC athi kum iEFF lithemba lawo, bafuna ndibenguceba wabo. Ukutshisa kwabo umzi wam kwandikhuthaza ukuba ndiqhubekeke nokusebenzela uluntu.”

OkaPhasiya uthi le Wadi ingavelisa amathuba amaninzi engqesho, kuba iseyindawo ephuhlayo.

“Kusalindeleke ukuba kuvulwe oobhazabhaza bamashishini, izikolo, iikliniki, nendawo yokudada. Konke oko kulindeleke ukuba kudale amathuba emisebenzi.”

Ngethuba sibambe udliwanondlebe noPhasiya bekukhala ihuta kwizithuthi ezidlula apha, nto leyo ibonakalisa ukuba uyindoda eyaziwayo.

Noxa kunjalo, isithethi seANC kule ngigqi uGift Ngqondi uyakuphikisa okuthethwa nguPhasiya, uthi, akukho yantlukwano phakathi kwamalungu alo mbutho kule lokishi.

UNgqondi uyaziphika nezityholo ezithi uTshaka wanyanzelwa kumalungu eANC kule Wadi.

isibhalo@inl.co.za