UMphathiswa woKhuseleko nezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi izenzo ezithe gqolo zokutshiswa kwamakhaya eSajonisi ayonto iya kuthi ibaphelelisele ngamandla ekuzameni ubumbano kwanozinzo kweza lali.
Amazwi kaNqatha aza emva kokuba kutshiswe imizi engama49 ekuzeni kusa ngeCawa kwilali yaseBhuja phantsi koMajola eSajonisi.
Uthi ngentsebenziswano enokubakhona phakathi kwesebe, abahlali namapolisa, ubundlobongela bungasuka neengcambu ezilalini. Uqhube wathi ukutshisa lityala elikhulu kwaye onolwazi makasebenzisane nabomthetho kubanjwe abo benzi bobubi.
Olu hlaselo lushiye uninzi lungenamakhaya lwenzeke phambi kwentsimbi yesine ekuseni ngeCawa umhla weshumi elinesihlanu, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uBrigadier Tembinkosi Kinana.
UKinana uthi akukhange kubekho mntu wonzakalayo okanye utshayo, onke amaxhoba aphume abaleka.
Uthi unobangela wokutshiswa kwala makhaya usaphandwa, esithi iingxaki ezihleli ziqhubeka kula mmandla ezifana nokubelana imfuyo abanakutsho okwangoku ukuba ngunobangela.
Amatyala okutshisa kwanokumosha avuliwe kwaye akukabanjwa barhanelwa.
UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene sele elisekile igqiza eliza kuphanda banzi eMajola.
Kukwavakala ukuba abarhanelwa bakwaqhawule neentambo zombane ukwenzela kuqhawuke unxibelelwano ngethuba betshisa imizi.
Esi sithwakumbe sokutshiswa kwamakhaya ayisesokuqala ukwenzeka kula mmandla, nakunyaka ophelileyo nangaphambili.
Uninzi lwabantu, abantwana, oomama, ootata namaxhegwazana balala emahlathini besoyikisela ubomi babo, beshiya imizi yabo ngasemva.
Kubongozwa onokubanolwazi malunga nabenze oku ancedisane namapolisa ukuze babanjwe ababandakanyekayo. Bangatsalela kuColonel Mthengelwa ku071 366 0017 okanye 08 600 10 111.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8