Iyaphela inkqubo iUyajola 9/9

InkQubo ethi Uyajola 9/9 nebibhexeshwa yimvumi uMolemo Maarohanye nowaziwa ngelikaJub-Jub kwakunye noMoss Makwati ebivezwa kuMoja Love (157) kumabonakude, ifikelele esiphelweni emva kokukhala koluntu lukhalela ukuxhatshazwa kwamadoda.

Le nkqubo ethi Uyajola 9/9 ibichwechwela amadoda akrokrelwa ngamabhinqa athandana nawo ngokukrexeza.

Ezi ndaba zokuphela kwale nkqubo zivele kwikhasi lonxibelelwano uTwitter ngeCawe. Kuza emva kokubethwa kwamadoda ngamabhinqa oonogada bejongile kule nkqubo.

Isolezwe lithethe noLindiwe Mbonambi othethela iMoja Love, engqina ezi ndaba zokuba iyaphela le nkqubo nangona nje ephika ukuba iphela ngenxa yesikhalo soluntu.

“Ayipheli kuba kuvele izikhalazo kwaBroadcasting Complaints Commision of South Africa (BCCSA). Inkampani ebivelisa le nkqubo ikhethe ukuthatha ikhefu lethutyana ekuveliseni njengoko besele lilide ixesha iqhuba,” utshilo uMbonambi.

UMbonambi uthe kwikhasi lonxibelelwano abantu bebenemibuzo emininzi esithi uyathemba ukuba uluntu luzophenduleka ngoku, egxininisa ukuba inkqubo ayiphelanga isaphumlile.

Abaninzi bafuna le nkqubo iphele, kulandela eyeveki ephelileyo ebimanyukunyezi apho indoda ibipakanyelwe ngumfazi wayo kwakunye nentokazi encuma nayo nekuvakele ngala mzuzu emfazini ukuba inosana oluncinci nale ntokazi.

Usaziwayo weli uSomizi Kganya Mhlongo ungomnye wabakhale kakhulu ngale nkqubo.

abongile.ginya@inl.co.za