‘Iyaphupha iEFF ngoZuma’

Amagqala omkhosi oliphiko leANC uMkhonto Wesizwe athi abubuvuvu amabango enziwa ngumbutho we-EFF okuba makehle esikhundleni sakhe uJacob Zuma phambi kokuba bangene kurhulumente wentsebenziswano neANC.

Usihlalo weli qela lamajoni oMkhonto Wesizwe uKebby Maphatsoe uthi zinabile iingxelo ezinyanzelisa ukuphuma kukaZuma esikhundleni.

“Zithe ndi ezi ngxelo zokuba kukho imibutho ememelela ukuba ashiye umongameli uZuma phambi kokuba bangene kurhulumente wentsebenziswano neminye imibutho, nto leyo engekhe yenzeke,” uthethe watsho uMaphatsoe.

Umbutho we-EFF uthetha oku, kuba inguwo umbutho ophethe amagunya okuzalisa urhulumente kwidolophu eziphambili eziquka iJohannesburg neTshwane.