‘Iyasibhanxa iFort Hare…’

BAYEKA imisebenzi ngenxa yokukhulelwa lithemba lokuya kufundela ukuba ngabancedisi boosomachiza (pharmacist assistants) kwiYunivesithi iFort Hare, kanti lonke eli xesha babethwa ngemfe iphindiwe ngabathwaliswe uxanduva lokumilisela le nkqubo.

Ngoku iqela lolutsha olungaphaya kwekhulu lusajonge enkalweni lungayazi ukuba le nkqubo yezifundo zonyaka, zokufundela ukuba ngabancedisi boosomachiza (pharmacy assistants), iyakuze imiliselwe nini.

Ngokwezigqibo phakathi kwesebe lezempilo eMpuma Koloni, iFort Hare neHealth and Welfare Sector Education and Training Authority (HWSETA), le nkqubo bekufanele ukuba iya ekugqityweni.

Ngokwale nkqubo, olu lutsha lalithenjiswe ngokufunda eFort Hare isithuba sonyaka. Noxa nje babezakufunda, ixesha elininzi babezakulichitha ngokutyelela ezibhedlele, befunxa ulwazi njengabancedisi boosomachiza, ze banikwe imali yesepha engange-R1 800 ngenyanga.

Abancedisi boosomachiza bancedisa oosomachiza (pharmacists) ekwenzeni i-odolo nasekunikeni izigulana amachiza.

“Kwakuthiwe sizakufunda unyaka, emva koko sifumane iziqinisekiso zethu kodwa yonke lo nto ayenzekanga. Kudala siquqa phaya eFort Hare singafumani mkhomba-ndlela kodwa ngaphandle kwempumelelo,” itshilo intwazana exhalabileyo.

Le ntwazana ithi eyona nto ibingabonwabisi yile yokungafumani mkhomba-ndlela eFort Hare.

Umfana obekufanele ukuba uthabathe inxaxheba kolu qeqesho utyhola iFort Hare nabasemagunyeni kule nkquleqhu “ngokudlala” ngabo. “Kudala sithenjiswa ngolu qeqesho. Ndade ndayeka umsebenzi wam kuba ndinomdla kolu qeqesho. Into endiyirhanelayo kukuba yatyiwa imali yolu qeqesho,” utshilo lo mfana.

Enye intwazana, nayo ebekufanele ukuba ithabathe inxaxheba, ithi into evele yabaxaka kolu qeqesho kukuxelelwa yiFort Hare kwimbalelwano yakutshanje ukuba umntu ngamnye makayozifunela umntu azakumqeqesha kolu qeqesho.

“Bathi masiye kooClicks nooDis-Chem siyokufuna abantu abazakusiqeqesha. Abanye bethu bayile kwaye into abayifumanayo yeyokuba abantu bakooClicks nooDis-Chem bafuna imali ukuze benze uqeqesho. Sizakuyithatha ndawoni loo mali? Bayasibhanxa aba bantu,” itshilo le ntwazana.

Isithethi saseFort Hare uKhotso Moabi uthi le nkqubo iye yaqhwaleliswa lisebe lezempilo ebelingakwazi ukufumana izixhobo nabahlohli. “Sigqibe kwelokuxelela abafundi ukuba bazifunele abahlohli, kodwa nathi asiyekanga ukufuna abahlohli. Xa abafundi abangamashumi amabini bebafumene abahlohli, siza kuqala ngokufundisa.”